IZIKRONIKE II 20:17
IZIKRONIKE II 20:17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Le yanamhla asiyeyenu; zimiseni nime, nilubone usindiso lukaYehova onáni, maYuda neYerusalem. Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini. Phumani ngomso nibahlangabeze; uYehova unáni.
IZIKRONIKE II 20:17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Asinini abaya kulilwa eli dabi. Yimani ngeendawo zenu, niqingqe nje, nibukele uNdikhoyo enihlangula, ndlundini kaJuda nani bemi baseJerusalem. Ze ningoyiki okanye nityhafe. Ngomso phumani nijongane nabo, uNdikhoyo uya kuba nani.’ ”
IZIKRONIKE II 20:17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ize ningalwi eli dabi; yimani, yimani, nilubone usindiso lukaYehova onani, maYuda neYerusalem; musani ukoyika, musani ukoyika; Bahlaseleni ngomso, ngokuba uYehova unani.
IZIKRONIKE II 20:17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Asi kokwenu ukulwa kokukulwa: zimiseni, yimani nibone usindiso LUKAYEHOVA onani, bo‐Juda ne‐Yerusaleme! ningoyiki, ningatuswa kanjalo; ngomso pumelani ngakulo; ngokuba UYEHOVA enani.