1
ISITYHILELO 11:15
IZIBHALO EZINGCWELE
Sathi esesixhenxe isithunywa savuthela ixilongo; kwabakho amazwi amakhulu emazulwini, esithi: Izikumkani zehlabathi zithe zaba zezeNkosi yethu nezikaKristu• wayo. Wayeya kuba nguKumkani kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
Thelekisa
Phonononga ISITYHILELO 11:15
2
ISITYHILELO 11:18
Iintlanga zaqumba, Yeza ingqumbo yakho, Leza nexesha labo bafileyo ukuba bagwetywe, Nelokubanika umvuzo wabo abakhonzi bakho abaprofeti, nabo bangcwele, Nabo baloyikayo igama lakho, abancinane nabakhulu, Nelokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.
Phonononga ISITYHILELO 11:18
3
ISITYHILELO 11:3
Ndiya kuwanika amangqina am amabini, aprofete imihla eliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu, ethiwe wambu ngeengubo ezirhwexayo.
Phonononga ISITYHILELO 11:3
4
ISITYHILELO 11:11
Emva kwemihla leyo mithathu inesiqingatha somhla, umoya wobomi ophume kuThixo wangena kuwo, ema ngeenyawo zawo; baza bawelwa luloyiko olukhulu abo bawabonayo.
Phonononga ISITYHILELO 11:11
5
ISITYHILELO 11:6
Wona la ánegunya lokulivala izulu, ukuze kungani mvula ngemihla yokuprofeta kwawo. Kananjalo anegunya phezu kwamanzi ukuwaguqula abe ligazi, nokuwubetha umhlaba ngezibetho zonke, ngamaxa onke asukuba ethanda ngawo.
Phonononga ISITYHILELO 11:6
6
ISITYHILELO 11:4-5
Láwo yile minquma mibini, nezi ziphatho zezibane zibini, zimiyo phambi koThixo womhlaba. Ukuba kukho bani unga angawonakalisa, kophuma umlilo emlonyeni wawo, uzidle uzigqibe iintshaba zawo; nokuba kukho bani unga angawonakalisa, umelwe kukubulawa ngokunjalo.
Phonononga ISITYHILELO 11:4-5
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo