ISITYHILELO 11:6
ISITYHILELO 11:6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wona la ánegunya lokulivala izulu, ukuze kungani mvula ngemihla yokuprofeta kwawo. Kananjalo anegunya phezu kwamanzi ukuwaguqula abe ligazi, nokuwubetha umhlaba ngezibetho zonke, ngamaxa onke asukuba ethanda ngawo.
ISITYHILELO 11:6 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ewe, aya kuba namagunya okusivala isibhakabhaka ingani imvula ngexesha lokuvakalisa kwawo udaba lukaThixo. Futhi anawo amagunya okuwajika amanzi abe ligazi; ihlabathi liphela aya kuba namagunya okulihlisela izibetho ngezibetho ngokuthanda kwawo.
ISITYHILELO 11:6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Lawo anegunya lokuvala izulu ukuze kungani ngeentsuku zokuprofeta kwawo, yaye anegunya phezu kwamanzi lokuwajika abe ligazi nelokuwubetha umhlaba ngazo zonke izibetho ngokufuthi kangangoko enqwenela.
ISITYHILELO 11:6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wona la anamandla okuba alivingce izulu, ukuze kungani imvula emihleni yokuprofitesha kwawo: anamandla kanjako pezu kwawo amanzi, okuba awaguqule abe ligazi, nokuba awubete umhlaba ngezibeto zonke, nxa asukuba etanda ukwenje njalo.