ISITYHILELO 11:4-5
ISITYHILELO 11:4-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Láwo yile minquma mibini, nezi ziphatho zezibane zibini, zimiyo phambi koThixo womhlaba. Ukuba kukho bani unga angawonakalisa, kophuma umlilo emlonyeni wawo, uzidle uzigqibe iintshaba zawo; nokuba kukho bani unga angawonakalisa, umelwe kukubulawa ngokunjalo.
ISITYHILELO 11:4-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
La mangqina ke yiminquma emibini, kunye nezibane ezibini ezimi phambi kweNkosi yehlabathi. Ukuba kukho bani ufuna ukuwenzakalisa, emlonyeni wawo kuya kuphuma umlilo ulutshabalalise olo tshaba. Uya kufa ngolo hlobo ke umntu ofuna ukuwenzakalisa la mangqina.
ISITYHILELO 11:4-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Lawo yile minquma mibini, nezi ziphatho zezibane zibini, zimiyo phambi koThixo womhlaba. Ukuba kukho bani unga angawonakalisa, kophuma umlilo emlonyeni wawo, uziqwenge iintshaba zawo
ISITYHILELO 11:4-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wona la ayiminquma leyo yomibini, nekandelare zombini, ezimiyo ebusweni BOTIXO womhlaba. Nokuba kuko ofuna ukuwenzakalisa, umlilo uyapuma emlonyeni wawo, uzigqibele intshaba zawo: nokuba kuko ofuna ukuwenzakalisa, ufanele ukubulawa ngokunjalo.