1
UYOSHUWA 1:9
IZIBHALO EZINGCWELE
Yabona, ndikuwisele umthetho wokuba womelele, ukhaliphe. Musa ukunkwantya, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona.
Thelekisa
Phonononga UYOSHUWA 1:9
2
UYOSHUWA 1:8
Ize ingesuki incwadi yaló myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba wòba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko.
Phonononga UYOSHUWA 1:8
3
UYOSHUWA 1:7
Kodwa ke yomelela, ukhaliphe kunene, ukuze ugcine ukwenza ngokomyalelo wonke, awakuwisela wona uMoses umkhonzi wam. Musa ukutyekela ekunene nasekhohlo kuwo, ukuze wenze ngengqiqo apho sukuba usiya khona.
Phonononga UYOSHUWA 1:7
4
UYOSHUWA 1:5
Akuyi kuma mntu phambi kwakho, yonke imihla yokudla kwakho ubomi; njengoko ndandinoMoses, ndoba nawe; andiyi kukuyekela, andiyi kukushiya.
Phonononga UYOSHUWA 1:5
5
UYOSHUWA 1:6
Yomelela ukhaliphe; ngokuba wena uya kulabela bona aba bantu elo lizwe ndabafungela lona ooyise, ukuba ndiya kubanika.
Phonononga UYOSHUWA 1:6
6
UYOSHUWA 1:3
Iindawo zonke eziya kunyathelwa yintende yonyawo lwenu, ndininikile, njengoko ndathethayo kuMoses.
Phonononga UYOSHUWA 1:3
7
UYOSHUWA 1:2
UMoses umkhonzi wam ufile; suka ke ngoko, uyiwele iYordan le, wena naba bantu bonke, niye kwelo zwe ndibanika lona oonyana bakaSirayeli.
Phonononga UYOSHUWA 1:2
8
UYOSHUWA 1:1
Kwathi emva kokufa kukaMoses, umkhonzi kaYehova, wathetha uYehova kuYoshuwa unyana kaNun, umlungiseleli kaMoses, wathi
Phonononga UYOSHUWA 1:1
9
UYOSHUWA 1:4
Kuthabathele entlango nakwiLebhanon le, kuse emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati, lonke ilizwe lamaHeti, kuse elwandle olukhulu ngasekutshoneni kwelanga, woba ngumda wenu.
Phonononga UYOSHUWA 1:4
10
UYOSHUWA 1:18
Bonke abantu abaphikisa umlomo wakho, bangàwaphulaphuli amazwi akho entweni yonke osiwisela umthetho ngayo, mababulawe; kodwa ke yomelela, ukhaliphe wena.
Phonononga UYOSHUWA 1:18
11
UYOSHUWA 1:11
Candani phakathi kweminquba, nibawisele umthetho abantu, nithi, Zilungiseleni umphako, ngokuba kusele imihla emithathu, ukuze niyiwele iYordan le, ningene nilihluthe ilizwe elo aninikayo uYehova uThixo wenu, ukuba limiwe nini.
Phonononga UYOSHUWA 1:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo