1
KUMAHEBHERE 4:12
IZIBHALO EZINGCWELE
Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo.
Thelekisa
Phonononga KUMAHEBHERE 4:12
2
KUMAHEBHERE 4:16
Masisondlele ke ngoko sinokungafihlisi kuyo itrone yobabalo, ukuze samkeliswe inceba, sifumane ubabalo lokusiza ngexesha elililo.
Phonononga KUMAHEBHERE 4:16
3
KUMAHEBHERE 4:15
Kuba asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, sinowahendwayo ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono.
Phonononga KUMAHEBHERE 4:15
4
KUMAHEBHERE 4:13
Kanjalo akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; izinto zonke ke zizé, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthana ni naye.
Phonononga KUMAHEBHERE 4:13
5
KUMAHEBHERE 4:14
Ngoko, sínombingeleli omkhulu nje ocande emazulwini, uYesu ke, uNyana kaThixo, masilubambe uvumo lwethu.
Phonononga KUMAHEBHERE 4:14
6
KUMAHEBHERE 4:11
Masikhuthalele ngoko ukungena koko kuphumla, ukuze kungabikho namnye ubuya eyele kwakuloo mzekelo wokungeva.
Phonononga KUMAHEBHERE 4:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo