KUMAHEBHERE 4:12
KUMAHEBHERE 4:12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba ilizwi LIKATIXO lipilile, lisebenza ngamandla, libukali ngakumbi pezu kweziṙele zonke ezintlangoti zimbini, lihlaba kude kube kukwahlulwa nokwompefumlo nokwomoya, nokwamalungu nokwomongo, lilungele ukuqiqa izicingo nenkumbulo zentliziyo.
KUMAHEBHERE 4:12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo.
KUMAHEBHERE 4:12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu.
KUMAHEBHERE 4:12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba ilizwi likaThixo liphilile, linamandla, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo.