1
IZIKRONIKE II 20:15
IZIBHALO EZINGCWELE
Bazani iindlebe, nonke maYuda, nani bemi baseYerusalem, nawe kumkani Yehoshafati. Útsho uYehova ukuthi kuni, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini ngenxa yale ngxokolo inje ukuba ninzi; ngokuba imfazwe le asiyeyenu, yekaThixo.
Thelekisa
Phonononga IZIKRONIKE II 20:15
2
IZIKRONIKE II 20:17
Le yanamhla asiyeyenu; zimiseni nime, nilubone usindiso lukaYehova onáni, maYuda neYerusalem. Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini. Phumani ngomso nibahlangabeze; uYehova unáni.
Phonononga IZIKRONIKE II 20:17
3
IZIKRONIKE II 20:12
Thixo wethu, akuyi kubagweba na? Ngokuba asinamandla okumelana nale ngxokolo ininzi isizelayo; thina asazi ukuba sothini na, kodwa amehlo ethu akuwe.
Phonononga IZIKRONIKE II 20:12
4
IZIKRONIKE II 20:21
Uthe akucebisana nabantu, wamisa iimvumi zikaYehvoa zokudumisa, zivethe ezingcwele, eziya kuphuma zihambe phambi kwabaxhobileyo, zisithi, bulelani kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
Phonononga IZIKRONIKE II 20:21
5
IZIKRONIKE II 20:22
Bathe bakuqala ukumemelela nokudumisa, uYehova wabafikisela abalaleli oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni yakwaSehire, ababezé kumaYuda; babulawa.
Phonononga IZIKRONIKE II 20:22
6
IZIKRONIKE II 20:3
Woyika uYehoshafati, wazinikela ngokwakhe ekumquqeleni uYehova, wathi makuzilwe ukudla ngamaYuda onke.
Phonononga IZIKRONIKE II 20:3
7
IZIKRONIKE II 20:9
Ukuba sithe safikelwa bububi, nalikrele, nangumgwebo, nayindyikitya yokufa, nayindlala, sema phambi kwale ndlu, naphambi kwakho (ngokuba likulé ndlu igama lakho), sakhala kuwe ekubandezelekeni kwethu, wòsiva usindise.
Phonononga IZIKRONIKE II 20:9
8
IZIKRONIKE II 20:16
Yihlani ngomso niye kulwa nabo; nâbo benyuka ngeqhina leTsitsi; nobafumana ekupheleni kwesihlambo, phambi kwentlango yaseYeruweli.
Phonononga IZIKRONIKE II 20:16
9
IZIKRONIKE II 20:4
Ahlanganisana ke amaYuda, efuna uncedo kuYehova; nasemizini yonke yakwaYuda baphuma bequqela uYehova.
Phonononga IZIKRONIKE II 20:4
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo