Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UkuthembekaSample

Ukuthembeka

Usuku 2 LWE 3

Ekukhonzeni Abanye

Ukuthembeka akupheleliselwanga kulwalamano lwethu noThixo. Kunwenwela ekuthembekeni kwabanye. Kodwa xa sithembekile kuThixo, kuba lula ukunabela kuthi. Sinako ukuthembeka kulwalamano lwethu nabanye abantu, enoba kusemtshatweni, kubuhlobo okanye emsebenzini. Xa sithembekile, asiziphileli thina sodwa, kodwa siphilela nabanye. UThixo wasidala, wasibizela ebuhlanti bakhe, kwaye usinike izipho, iitalente, ubudlelwane kunye noxanduva. Ukuthembeka apha kuthetha ukuhlonipha ezi zipho, ukukhonza abanye ngemfezeko, kunye nokuzalisekisa izibophelelo zethu. Kubonakala kulula kakhulu ukuzibophelela kwizinto ngamazwi omlomo wethu, kodwa ukuzenza kuba nzima kakhulu. Oku akusiyo isimilo sabathembekileyo. UThixo usidale sanobuchule obahlukahlukeneyo yaye ulindele ukuba sibusebenzise ekukhonzeni abanye. Usibize ukuba sibe ngamagosa ezi talente kwaye ujongile ukuze abone ukuba siya kuzisebenzisa njani kuhambo lwethu emhlabeni. UThixo wasidala ukuba simkhonze, kwaye enye yeendlela zokuzalisekisa oko kukukhonza abanye ngaphandle kokuxengaxenga. Ngaba uthembekile kwaye awuguquguquki kwinto ozibophelele kuyo? Ngaba usebenzisa iitalente kunye namava akho ekukhonzeni? Xa sinyanisekile kwizinto ezincinane, uThixo unokusithemba okungakumbi.

Day 1Day 3

Malunga nesi Sicwangciso

Ukuthembeka

Ukuthembeka sisiqhamo soMoya esiyimfuneko kuwo onke amakholwa kuKrestu. UThixo wethu unguThixo othembekileyo yaye nathi sibizelwe ukuba ngamagosa athembekileyo kuKristu Yesu. Kodwa ngaba sithembekile ngenene kuloo nto asibizele kuyo? Kufuneka sithembeke ekulandeleni uThixo; kufuneka sithembeke kwinkonzo yethu kwabanye; kufuneka sithembeke xa sijamelene nezilingo kuba kukho utyekelo lokuxengaxenga xa sijamelene neemeko. Kungenxa yale mvelaphi apho esi sicwangciso sokufunda siya kwakhiwa.

More

Sithanda ukubulela Donald Mqwathi ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: facebook.com/donald.mqwathi?_rdc=1&_rdr