Umthandazo OzingisileyoIsampulu
Isimemo Sokuthandaza Ngokuzingisileyo
Umthandazo sisixhobo esikhulu anokuthi asisebenzise umKristu ngokuchasene nosathana namahlakani akhe. Utshaba luthiyile ikholwa elithandaza ngokuzingisileyo, ngoko ke lizama ukusidimaza nangayiphi na indlela ukuba siyeke ukuthandaza, ukuze impumelelo ingafiki kuthi. Umthandazo ukwayindlela ephambili yobudlelwane bethu noThixo njengoko sinxibelelana naye. Kanye njengokuba usathana ewuthiyile umthandazo, uThixo uyabadinga abantu abathandazayo. Iinjengele zikaThixo ezaphumelela kumaxesha amandulo zazingamadoda omthandazo. Yiyiphi enye indlela elunge ngakumbi esinokuthobela ngayo umyalelo Wakhe ngaphandle ‘kokuthandaza ngokungapheziyo’? IBhayibhile isimemela kumyalelo womthandazo oqhubekayo. UThixo unqwenela ubudlelane obuqhubekayo nathi obukhuliswa ngonxibelelwano oluqhubekayo. Kwelinye icala, umntu wendalo unotyekelo lokungenzi nto kwaye adimazeke xa ejongana nemithandazo engaphendulwanga kodwa ucelomngeni lomthandazo ozingisileyo. Kusibangela ukuba sibandakanye uThixo ngokuzimisela nangolindelo side sibone intando yaKhe isenzeka kuloo nto siyifunayo.
IBhayibhile kwincwadi kaLuka ithi uYesu wathetha umzekeliso othile kubafundi bakhe ngenjongo yokuba abantu bafanele basoloko bethandaza bangatyhafi. UThixo usibizela ukuba sisondele kuye ngokukhalipha nangokunyamezela. Asiyondlela yokumnyanzela okanye ukumqhubela ekwenzeni izinto kodwa yindlela yokuzilungelelanisa nentando neminqweno yakhe egqibeleleyo. Kukho amaxesha xa sithandaza kwaye sivakalelwa kukuba akukho nto yenzekayo. Ngelo xesha, kunzima ukuzingisa emthandazweni xa singaboni naluphi na utshintsho olwenzekayo kwaye kusenokubonakala ngathi sidlala ngexesha lethu. Kodwa iNkosi isibizela ukuba sizingise emithandazweni yethu kwaye singanikezeli side sizibone iimpendulo. Ubizo lukwayindlela yokugcina ubudlelwane bethu naYe obunokuzuzwa ngokuthandaza sikuMoya. Umthandazo ozingisileyo yinxalenye ebalulekileyo yobomi bethu bobuKristu. Yonke into uThixo ayenzayo yimpendulo yomthandazo wabantu bakhe, nangona kubonakala kunzima ukuyiqonda ngeli xesha kubonakala ngathi akukho zimpendulo. Asinakuphila ubomi obuphumelelayo bobuKristu ngaphandle komthandazo ozingisileyo. Umthandazo ufanele ube ngumoya esiwuphefumlayo nobomi esibuphilayo. Njengabafundi, masihlale sikhala ukuba iNkosi iya kusifundisa ngoku ukuthandaza.
Malunga nesi Sicwangciso
Umthandazo kufanele ukuba ibe yindlela yokuphila yomKrestu wenene njengoko sibona kubomi bukaYesu. Esi sicwangciso sokunqula sigxile ekukhuthazeni amakholwa ukuba ahlale ezinzile emthandazweni njengoko iBhayibhile isiyalela ukuba senze njalo. Ikwabalaselisa umzekelo weBhayibhile womhlolokazi ozingisayo kwincwadi kaLuka namandla okuzingisa elukholweni.
More
Sithanda ukubulela Donald Mqwathi ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: facebook.com/donald.mqwathi?_rdc=1&_rdr