Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IiNtshaba Esijongene NazoSample

IiNtshaba Esijongene Nazo

Usuku 3 LWE 3

Usathana

Amakholwa aphilela ezomhlaba nezenyama aba nekratshi, aze usathana ayivuyelele le meko yawo, kuba ikratshi sesinye sezixhobo zakhe eziphambili. Kodwa uSathana, akanakuze asinike konke uThixo asithembisa kona! Ikholwa kumele lisebenzise iLizwi, ngoncedo loMoya oyiNgcwele, ukuze lilwe uSathana namaqhinga akhe.

UThixo akaluthululi ubabalo lwaKhe kwabo banekratshi nabangavumiyo ukuguquka esonweni. Ubabalo lwenzele abathobekileyo, alwenzelwanga abaphakamileyo. UThixo uhlala esebenza ngaphakathi kwabo bazisolayo ngokwasemoyeni. Kumele ke ngoko sizinikezele ngokuzithoba kuThixo nakwintando yaKhe. Xa sizinikezela kuThixo ngale ndlela, singamlwa ngempumelelo usathana othi aphelelwe ngamandla akhe kuthi.

Umthandazo: Bawo oThandekayo, ndiyaKubulela kwakhona ngesipho sobomi nosindiso. Sikhusele kwiintolo zobubi namaqhinga abo bangendawo. Yanga uthando lwaKho kunye nobabalo lweNkosi lungasikhusela kuSathana nakwiingelosi zakhe ezagxothwayo ezulwini. Ngegama likaYesu, Amen.

Day 2

Malunga nesi Sicwangciso

IiNtshaba Esijongene Nazo

Esi sicwangciso sokufunda seentsuku ezintathu sivula amehlo akho enyanisweni yokuba xa sinikezela ngobomi bethu kuThixo, singena edabini, silwe kunye nehlabathi, nezinto zokwenyama kunye nosathana. Nangona sidalwe ngokutsha kuKristu kwaye sifumene uMoya oyiNgcwele, kusafuneka sixhotyiswe ukuze sijongane neentshaba zokwenene.

More

Sithanda ukubulela Jonah Mohammed Kala ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.facebook.com/missionaryjonah.mohammed?mibextid=LQQJ4d