Ukusuka ebuMnyameni uye ekuKhanyeniIsampulu

Ukusuka ebuMnyameni uye ekuKhanyeni

Usuku 1 LWE 3

Ukuqhawula aMandla eSono

Nangona sasindiswa esonweni nguKristu ngokufa kwaKhe emnqamlezweni, sisenoxanduva lokuqhawula iimpembelelo zesono ebomini bethu. Sizalelwe esonweni, kwaye isono singasibamba nkqi ngenxa yeemeko esikhule phantsi kwazo. Ngoko ke, xa sikholelwa kuKristu kwaye sifumana usindiso lwaKhe, kumele sisebenze ukuze sihlaziye iingqondo zethu, sibambe iingcinga zethu ezinezono, sibe sicinga ngenyaniso kaThixo.

Ukuba uthe wanguMkristu kodwa awagxalathelana nesono ngokuthi uhlaziye ingqondo yakho ngenyaniso kaThixa, uza kufumanisa ukuba nangona wathi waxolelwa ngeenceba zikaThixo, isono siseza kongamela, sikukhokele endleleni yakho.

Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

Ukusuka ebuMnyameni uye ekuKhanyeni

Oku kufunda iintsuku ezintathu kuhlolahlola inyaniso engummangaliso yokuba iNkosi yathi yasigqithisa ukusuka kubukumkani bobumnyama ukuya kuBukumkani baKhe bokukhanya.

More

Sithanda ukubulela Enoch Otu ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.facebook.com/enoch.otu.1?mibextid=LQQJ4d