Ukumamela UThixoIsampulu
Ubungozi Bomntu Ongamaziyo
Abaninzi emzimbeni kaKristu baye baba sesichengeni ngakumbi kwiinkohliso zelizwi za lowo ungaziwayo. Ukuphulaphula ilizwi likaThixo kuba ngumcelimngeni wokwenene ngenxa yencoko ekhuphisanayo, nengenabuthixo. Ngelishwa, baqalisa ukuthandabuza isimilo sikaThixo kunye nenyaniso ayifundisayo eLizwini Lakhe.
Sibona imvelaphi yale ngxaki iqala kumhlali wasegadini, uEva.
Kwaye ndiyazibuza.
Kwakutheni ukuze uEva azibandakanye ekuphulaphuleni ubuqhophololo benyoka?
Kwakutheni ukuze angaqondi ukuba eli lilizwi lalowo angamaziyo?
Ndiyazibuza. UEva wayemazi kakuhle kangakanani uThixo, uMalusi wakhe? Wayebonakala egungqiswa lula bubuxoki botshaba.
Kwakutheni ukuze uEva akholelwe ngokukhawuleza?
Ndiyakholelwa ukuba nangona uEva wayeyazi inyaniso, wayengazinziswanga enyanisweni. Wayekwazi oko “kutshiwoyo” nguThixo kodwa akazange akuqonde ngokupheleleyo ukuba Wayengubani—uthembekile yaye ulunge ngokupheleleyo. Wayengaqondi ukuba akanakuze amvimbe nantoni na entle.
Ngaphambi kokuba atye isiqhamo esalelweyo, wayengabuqondi ububi, engabuqondi ubuxoki, yaye engaqondi ukuba unokuqhathwa ukuze angamthobeli uYise.
Kodwa oku akuyonyaniso kuthi! Asingabo abangaziyo! Makadunyiswe uThixo sineLizwi likaThixo elisisikhokelo senyaniso, uMoya oyiNgcwele (uMoya weNyaniso) njengoMcebisi wethu, noKristu Yesu njengoMsindisi noMthetheleli wethu wenyaniso!
Ukanti, njengoEva, nathi siye sifune ukuphulaphula ubuxoki balowo ungaziwayo Ngoba kutheni?
Isizathu esinye kukuba, rhoqo, sonwabisa ubuxoki botshaba “ngokuzonwabisa” kwethu. Umabonakude, i-Intanethi, imiboniso bhanyabhanya, iincwadi, neemagazini, ezidla ngokungaliva ilizwi likaThixo, ziye zongamela uluntu. Nangona kunjalo, siyakuchitha iiyure ezingathethekiyo kunye nala mazwi angahloneli Thixo, axokayo ngelixa iingqondo neentliziyo zethu zingxengwa, zingcoliswa, zingondleki ngeLizwi likaThixo eliphilileyo, elisebenzayo neliphefumlelweyo!
Kufuneka simazi uMalusi wethu! Kufuneka sondliwe ngamadlelo akhe aluhlaza. Kufuneka sisondele kuye ukuze silandele ilizwi Lakhe.
Ungaphoswa kufundo lokugqibela lwangomso, njengoko siza kuqukumbela ngolwazi oluluncedo malunga “noKwazana noMalusi!”
Buza kuBawo: Ngaba ndiphulaphula amanye amazwi angaphumi nakuWe?
Isindululo sengoma yonqulo yanamhlanje: “My Heart Is Yours” Kristian Stanfill
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
U-Amy Groeschel ubhale esi Sicwangciso seBhayibhile seentsuku ezisixhenxe ngethemba lokuba siya kuthathwa ngokusuka entliziyweni kaBawo wethu onothando siye kweyakho. Umthandazo wakhe ngowokuba ikufundise ukunqanda ingxokozelo echasayo kwaye ikuvuse ukuba ugxile kwilizwi lakhe.
More