Ukumamela UThixoIsampulu

Listening To God

Usuku 4 LWE 7

Ukukhohliswa ngumnqweno

Imvelaphi yesono yaqala ngobu buxoki: UThixo akalungile, akanakuthenjwa, yaye usabambe nto kuthi. Ngokuqinisekileyo le nkohliso isaqhubeka nanamhlanje. Yaye ukuba oko akulunganga ngokwaneleyo, njengoEva, iminqweno yethu yendalo idibana nobu buxoki! Yonke le nkohliso iyafuneka ukuze uSathana azame ukusahlula kuThixo.

UEva wasibona eso siqhamo waza wacinga ukuba sikhangeleka sisihle yaye siyathandeka. Kwakhona walukuhlwa ngumgibe wokhanyiselo olungakumbi, ulwazi, yaye kusenokwenzeka nokuba namandla. Uya kuba njengoThixo. Mfana, waqhathwa kangaka!

Uthini ngawe? Kukangaphi woyiswa kukukhanuka kwamehlo akho nokuqonda kwakho okulinganiselweyo? Andizami kukudandathekisa ngalo mbuzo kodwa ndikulumkise kuba, mhlobo, akunyanzelekanga kube njalo.!

Ukuphila ngokunxibelelene nelizwi likaThixo kuthetha ukuba silandela imiyalelo yakhe ukuze simamkele. Mnike uzuko, umbulelo, kunye nendumiso ngomzuzu ngamnye ngenxa yokuba enawe! Olu nxibelelwano lungcwele luthetha ukuba sibeka ithemba lethu kuye kuzo zonke iimeko kwaye sivale iindlebe namehlo ethu kuyo yonke into enokukhohlisa iintliziyo neengqondo zethu.

Eli hlabathi asilohlabathi lam, kwaye ayisilo lakho, nawe! IZulu elitsha kunye noMhlaba omtsha ulindele abo bathi ngonyamezelo lomonde baqhubeke bethembela kuMsindisi wabo. Akunyanzelekanga ukuba sizinze ngokuleqa umoya wazo zonke iindlela ezidlulayo. Akufuneki soyike ukuphoswa "kwizinto ezilungileyo" kuba siyazi ukuba silindelwe yimivuzo engunaphakade. Kwaye, siyazi ukuba uThixo wethu nguye kuphela Kwizinto Ezilungileyo! Uyinto yethu kuko konke, Lowo Waneleyo, uMgqibelelisi wethu!

Buza kuBawo:Ngaba kukho into ekufuneka ndiyenzile okanye ndiyazi ukuze umnqweno wentliziyo yam usoloko ukuWe?

Isindululo sengoma yonqulo yanamhlanje: “Clear the Stage” ka Jimmy Needham

Usuku 3Usuku 5

Malunga nesi Sicwangciso

Listening To God

U-Amy Groeschel ubhale esi Sicwangciso seBhayibhile seentsuku ezisixhenxe ngethemba lokuba siya kuthathwa ngokusuka entliziyweni kaBawo wethu onothando siye kweyakho. Umthandazo wakhe ngowokuba ikufundise ukunqanda ingxokozelo echasayo kwaye ikuvuse ukuba ugxile kwilizwi lakhe.

More

Sithanda ukubulela iLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: www.life.church