KWABASEROMA 8:26-39

KWABASEROMA 8:26-39 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ngokukwanjalo ke noMoya uncedisana nokuswela kwethu amandla; kuba esingákuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo. Ke oziphengululayo iintliziyo uyakwazi into okuyiyo ukunyameka koMoya; ngokuba ubathethelela abangcwele ngokukaThixo. Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe. Ngokuba abo wabazíyo ngenxa engaphambili, wabamisela ngenxa engaphambili ukuba bafane nomfanekiselo woNyana wakhe, ukuze abe ngowamazibulo kubazalwana abaninzi. Abo ke wabamisayo ngenxa engaphambili, wabuya wababiza bona; waza abo wababizayo, wabuya wabagwebela bona; abo ke wabagwebelayo, wabuya wabazukisa nokubazukisa bona. Síthini na ke ngoko kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na ongasichasayo? Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angáthini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye? Ngubani na oya kumangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? Ngubani na ogwebayo, inguKristu nje owafayo? ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo? Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yakho sibulawa imini yonke; Sibalelwe ekuthini sizizimvu zokuxhelwa. (INdum. 44:22) Kanti ke kwezo zinto zonke, sisuka soyise sigqithisele, ngaye owasithandayo. Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.

KWABASEROMA 8:26-39 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela. Ke uThixo oziphengululayo iintliziyo uyazazi iingcamango zoMoya, kuba kaloku uMoya uthethelela abantu bakaThixo ngokwentando kaThixo. Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe. Kaloku abo wayeselebazi kwangaphambili, wabamisela ukuba babe ngumfanekiso woNyana wakhe, ukuze uNyana wakhe abe ngowamazibulo kusapho olukhulu. Abo ke uThixo wabamiselayo kwangaphambili, wababiza kananjalo. Abo wababizayo, wabenza amalungisa. Abo wabenza amalungisa, wabanika iwonga. Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa? Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto? Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? Ngubani onokubagweba, ethe wafa nje uKrestu, wathi ngaphezu koko wabuya wavuka, waza waya kuhlala ewongeni kwaThixo, apho asithethelela khona? Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na? Kunjengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Ngenxa yakho sisesichengeni sokubulawa; yiyo loo nto sesifana neegusha eziya kuxhelwa nje.” Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo. Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.

KWABASEROMA 8:26-39 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ngokukwanjalo ke noMoya uncedisana nokuswela kwethu amandla, kuba esingakuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo. Ke oziphengululayo iintliziyo uyakwazi into okuyiyo ukunyameka koMoya; ngokuba ubathethelela abangcwele ngokukaThixo. Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe. Ngokuba abo wabaziyo ngenxa engaphambili, wabamisela ngenxa engaphambili ukuba bafane nomfanekiselo woNyana wakhe, ukuze abe ngowamazibulo kubazalwana abaninzi. Abo ke wabamiselayo kwangaphambili, wababiza kananjalo; abo ke wababizayo, wabuya wabagwebela bona; abo ke wabagwebelayo, wabuya wabazukisa kananjalo. Sithini na ke ngoko kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na ongasichasayo? Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye? Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? nguThixo ogwebelayo. Ngubani na ogwebayo? nguKristu owafayo, wathi ngaphezu koko, wabuya wavuka, ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo. Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na? Njengoko kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yakho sibulawa imini yonke; yiyo loo nto sesifana neegusha eziya kuxhelwa nje. Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo. Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nanto zizayo; Nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.

KWABASEROMA 8:26-39 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Ngokunjalo ke NOMOYA uyanceda izilwelwe zetu: ngokuba singazi ukuba singe sitandazela nto nina njengoko kufanelekileyo; kodwa yena UMOYA ngokwake uyasitetelela ngezigulo ezingatetekiyo. Naye lowo uzipengululayo intliziyo uyazi into iyiyo inyamekelo YOMOYA, ukuba ebatetelela abangcwele njengako ukutanda KUKATIXO. Kanjako siyazi ukuba kwabo batanda UTIXO zonke izinto ziyasebenza kunye kube kokulungileyo, kwabo bangababiziweyo ngokwemvume yake. Ngokuba abo wabaziyo pambili, wabamisela kwa pambili ukuba bafane nomfanekiso wonyana wake, ukuze abe ngowamazibulo pakati kwabazalwana abaninzi: nabo wabamiselayo pambili, bona aba wababiza kanjalo: nabo wababizayo, bona aba wabagwebela kanjalo: nabo wabagwebelayo, bona aba wabenzela ubungcwalisa kanjalo. Soti nina ngoko ngezizinto? Ukuba UTIXO ungecala letu, ngubanina oya kwalana nati? Lowo ke ongamyekanga owake unyana, koko wamnikelayo ngenxa yetu sonke, kungati nina ukuba akayi kusipa nakunye naye izinto zonke? Ngubanina oya kumisa ityala ngakubo abaqashwa BAKATIXO? UTIXO nguye ogwebelayo; ngubanina lowo ugwebayo? U‐Kristu nguye owafayo, ewe pezu kwoku, obuye wavuka kanjalo, okwa ngasekunene KWOTIXO, ositetelelayo kanjako. Ngubanina oya kusahlula elutandweni luka‐Kristu? yimbandezelo na, bubunzima na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuzé na, yingozi na, liṙele na? Njengokuba kuba̔liwe ukuti: Ngenxa yako siyabulawa imini yonke; sasibalwa ngokuba zigusha zokuxe̔lwa. Kuloko kwezizinto zonke sigqitisile nasekwoyiseni ngaye lowo wasitandayo. Ngokuba ndikoliwe ukuba kwa nokufa, nobomi, nengelosi, nabanegunya, nabanamandla, nezinto ezikoyo, nezinto eziza kubako, nobude, nobunzulu, nesinye isidalwa esisimbi, aziyi kuba nako ukuba zingasahlula elutandweni LUKATIXO, olukuye u‐Kristu Yesu INKOSI yetu.

KWABASEROMA 8:26-39

KWABASEROMA 8:26-39 XHO75KWABASEROMA 8:26-39 XHO75KWABASEROMA 8:26-39 XHO75