Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 8:26-39

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 8:26-39 XHO1902A

Ngokunjalo ke NOMOYA uyanceda izilwelwe zetu: ngokuba singazi ukuba singe sitandazela nto nina njengoko kufanelekileyo; kodwa yena UMOYA ngokwake uyasitetelela ngezigulo ezingatetekiyo. Naye lowo uzipengululayo intliziyo uyazi into iyiyo inyamekelo YOMOYA, ukuba ebatetelela abangcwele njengako ukutanda KUKATIXO. Kanjako siyazi ukuba kwabo batanda UTIXO zonke izinto ziyasebenza kunye kube kokulungileyo, kwabo bangababiziweyo ngokwemvume yake. Ngokuba abo wabaziyo pambili, wabamisela kwa pambili ukuba bafane nomfanekiso wonyana wake, ukuze abe ngowamazibulo pakati kwabazalwana abaninzi: nabo wabamiselayo pambili, bona aba wababiza kanjalo: nabo wababizayo, bona aba wabagwebela kanjalo: nabo wabagwebelayo, bona aba wabenzela ubungcwalisa kanjalo. Soti nina ngoko ngezizinto? Ukuba UTIXO ungecala letu, ngubanina oya kwalana nati? Lowo ke ongamyekanga owake unyana, koko wamnikelayo ngenxa yetu sonke, kungati nina ukuba akayi kusipa nakunye naye izinto zonke? Ngubanina oya kumisa ityala ngakubo abaqashwa BAKATIXO? UTIXO nguye ogwebelayo; ngubanina lowo ugwebayo? U‐Kristu nguye owafayo, ewe pezu kwoku, obuye wavuka kanjalo, okwa ngasekunene KWOTIXO, ositetelelayo kanjako. Ngubanina oya kusahlula elutandweni luka‐Kristu? yimbandezelo na, bubunzima na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuzé na, yingozi na, liṙele na? Njengokuba kuba̔liwe ukuti: Ngenxa yako siyabulawa imini yonke; sasibalwa ngokuba zigusha zokuxe̔lwa. Kuloko kwezizinto zonke sigqitisile nasekwoyiseni ngaye lowo wasitandayo. Ngokuba ndikoliwe ukuba kwa nokufa, nobomi, nengelosi, nabanegunya, nabanamandla, nezinto ezikoyo, nezinto eziza kubako, nobude, nobunzulu, nesinye isidalwa esisimbi, aziyi kuba nako ukuba zingasahlula elutandweni LUKATIXO, olukuye u‐Kristu Yesu INKOSI yetu.