Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela. Ke uThixo oziphengululayo iintliziyo uyazazi iingcamango zoMoya, kuba kaloku uMoya uthethelela abantu bakaThixo ngokwentando kaThixo.
Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe. Kaloku abo wayeselebazi kwangaphambili, wabamisela ukuba babe ngumfanekiso woNyana wakhe, ukuze uNyana wakhe abe ngowamazibulo kusapho olukhulu.
Abo ke uThixo wabamiselayo kwangaphambili, wababiza kananjalo. Abo wababizayo, wabenza amalungisa. Abo wabenza amalungisa, wabanika iwonga.
Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa? Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto? Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? Ngubani onokubagweba, ethe wafa nje uKrestu, wathi ngaphezu koko wabuya wavuka, waza waya kuhlala ewongeni kwaThixo, apho asithethelela khona? Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na? Kunjengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:
“Ngenxa yakho sisesichengeni sokubulawa;
yiyo loo nto sesifana neegusha eziya kuxhelwa nje.”
Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo. Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.