IINDUMISO 89:1-4
IINDUMISO 89:1-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Iinceba zikaYehova ndiya kuvuma ngazo ngonaphakade, Kwizizukulwana ngezizukulwana ndiya kwazisa ukuthembeka kwakho ngomlomo wam. Ngokuba ndithi, Yakheka ngonaphakade inceba; Amazulu, úya kukuzinzisa kuwo ukuthembeka kwakho. Wathi, Ndenzé umnqophiso nomnyulwa wam, Ndifungile kuDavide umkhonzi wam: Ndiya kuyizimasa ngonaphakade imbewu yakho, Ndiyakhe itrone yakho kwisizukulwana ngesizukulwana. (Phakamisani.)

IINDUMISO 89:1-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
*Ndikhoyo, ndiya kucula ngezibele zakho njalo-njalo; ukuthembeka kwakho ndokubhengeza kuzo zonke izizukulwana. Ndiya kububengeza obakho ububele ukuba soze butshitshe; ukuthembeka kwakho ukuzinzisile emazulwini. Kaloku wena wathi: “Ndenze umnqophiso kunye nomnyulwa wam; ndinqophisene nesicaka sam uDavide, ndathi: ‘Ndiya kuyimisela ngonaphakade inzala yakho; ndoluxhasa ulawulo lwakho lungabi nasiphelo.’ ”
IINDUMISO 89:1-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Iinceba zikaYehova ndiya kuvuma ngazo ngonaphakade; Ndiya kuxela ukuthembeka kwakho ngomlomo wam kwizizukulwana ngezizukulwana. Ngokuba ndithi, Inceba iya kwakhelwa ngonaphakade; Ukuthembeka kwakho kuya kukugcinela emazulwini. Ndifungele umnyulwa wam umnqophiso, ndifungele umkhonzi wam uDavide, Ndiya kuyizimasa ngonaphakade imbewu yakho, Ndiyakhe itrone yakho kwizizukulwana ngezizukulwana. Sela.
IINDUMISO 89:1-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NDOVUMA ngazo izibele ZIKAYEHOVA kude kube ngunapakade: ngomlomo wam ndiya kwazisa inyaniseko yako kwisizukulwana ngesizukulwana. Ngokuba ndite: Ububele buya kwakiwa kude kube ngunapakade; inyaniseko yako uya kuyiqinisa kwa kuwo amazulu. Ndenzile ucebano nomqashwa wam, ndifungile ku‐Davide isicaka sam: Inzalo yako ndoyimisa kude kube ngunapakade, ndake iterone yako kwisizukulwana ngesizukulwana. Sela.