IINDUMISO 28:7-8
IINDUMISO 28:7-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
NguYehova amandla am nengweletshetshe yam; Yakholosa ngaye intliziyo yam, ndancedeka. Iyadlamka ke intliziyo yam, Ndiyamdumisa ngengoma yam. UYehova ungamandla kubo; Uligwiba losindiso kumthanjiswa wakhe yena.
IINDUMISO 28:7-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
NguNdikhoyo amandla am nekhaka lam; ndithembele ngaye ngomxhelo wam wonke. Ndoncedakala nditsho ndibe nemincili, ndimbonge ngengoma. NguNdikhoyo obomelezayo abantu bakhe; nguye omkhuselayo nomsindisayo umthanjiswa wakhe.
IINDUMISO 28:7-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
NguYehova amandla am nengweletshetshe yam; Yakholosa ngaye intliziyo yam, ndancedwa; ke ngoko, intliziyo yam yonwabe kakhulu; ndiya kumdumisa ngengoma yam. uYehova uligwiba labo, uyingxonde yomthanjiswa wakhe.
IINDUMISO 28:7-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UYEHOVA ungamandla am, nekaka lam; intliziyo yam yatembela kuye, ndancedwa ke: iti ngoko intliziyo yam ivuye kakulu; ndandiya kumdumisa ngeculo lam. UYEHOVA ungamandla abo; uyinqaba yosindiso yomtanjiswa wake yena.