IINDUMISO 18:20-27
IINDUMISO 18:20-27 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam, Wandibuyisela ngokobunyulu bezandla zam. Ngokuba ndizigcina iindlela zikaYehova, Andemka ngokungendawo kuThixo wam. Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam, Nemimiselo yakhe andiyisusi kum; Ndaye ndingogqibeleleyo kuye, Ndazigcina, andaba nabugwenxa, Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam, Ngokobunyulu bezandla zam phambi kwamehlo akhe. Kowenceba ùzenza owenceba, Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo; Kozenze nyulu uzenza onyulu, Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo. Ngokuba wena uyabasindisa abantu ababandezelekileyo, Uwathobe amehlo aqwayingileyo.
IINDUMISO 18:20-27 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wandivuza uNdikhoyo, kuba ndandilungisa; wandithamsanqela, kuba ndimsulwa. Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela; andimfulathelanga uThixo wam. Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile; andiyaphulanga imithetho yakhe. Uyandazi ukuba andonanga; ndiyazilumla ekwenzeni ububi. Ngoko ke uyandivuza, kuba ndisenza okulungileyo; uyandivuza, kuba akukho sikhwa kum. Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo; ubenzela ububele abo bandlela zithe tse. Umsulwa kwabo bamsulwa; uchasene nabo bangamatshijolo. Ungumsindisi wabathobekileyo; uyabathoba abo banekratshi.
IINDUMISO 18:20-27 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYehova undibize ngokobulungisa bam; Wandenza ngokobunyulu bezandla zam. Kuba ndizigcinile iindlela zikaYehova, yaye andizange ndiphambuke kuThixo wam. Ngokuba bonke ubunile bakhe ngakum, andiwususanga ubunile bakhe kum. Ndandililungisa phambi kwakhe, Ndazinqanda ebubini bam. Ngako oko, uYehova undibize ngokobulungisa bam, nangokobunyulu bezandla zam phambi kwamehlo akhe. Woba nenceba kuwe; kwindoda elungileyo uzenza ixoki; Kohlambulukileyo uya kuzibonakalisa uhlambulukile; kwaye ngempazamo uya kuzichaza. Ngokuba wena uyabasindisa abantu ababandezelekileyo; ke yena uya kulithoba imbonakalo ephakamileyo.
IINDUMISO 18:20-27 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UYEHOVA wandivuza njengokwobulungisa bam; njengokwobumhlope bezandla zam wandibuyekezela. Ngokuba ndizibambile indlela ZIKAYEHOVA, ndandingemkanga ngenkohlakalo KUTIXO wam. Ngokuba zonke izigwebo zake zibe zipambi kwam; nemimiso yake andiyipambukisanga kum. Bendilungisekile pambi kwake, ndandizibamba enkohlakalweni yam: ngako UYEHOVA undibuyekezele njengokwobulungisa bam, njengokwobumhlope bezandla zam pambi kwamehlo ake. Konobubele uyazibonakalisa unobubele; kumntu olungisekile uyazibonakalisa ulungisekile; komsulwa uyazibonakalisa umsulwa; nakogwenxa uyazibonakalisa ugwenxa. Ngokuba abantu ababandezelweyo ubasindisa wena; kodwa amehlo eratshi uyawatobisa.