Wandivuza uNdikhoyo, kuba ndandilungisa; wandithamsanqela, kuba ndimsulwa. Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela; andimfulathelanga uThixo wam. Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile; andiyaphulanga imithetho yakhe. Uyandazi ukuba andonanga; ndiyazilumla ekwenzeni ububi. Ngoko ke uyandivuza, kuba ndisenza okulungileyo; uyandivuza, kuba akukho sikhwa kum. Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo; ubenzela ububele abo bandlela zithe tse. Umsulwa kwabo bamsulwa; uchasene nabo bangamatshijolo. Ungumsindisi wabathobekileyo; uyabathoba abo banekratshi.
Funda IINDUMISO 18
Share
Compare All Versions: IINDUMISO 18:20-27
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos