UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam, Wandibuyisela ngokobunyulu bezandla zam. Ngokuba ndizigcina iindlela zikaYehova, Andemka ngokungendawo kuThixo wam. Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam, Nemimiselo yakhe andiyisusi kum; Ndaye ndingogqibeleleyo kuye, Ndazigcina, andaba nabugwenxa, Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam, Ngokobunyulu bezandla zam phambi kwamehlo akhe. Kowenceba ùzenza owenceba, Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo; Kozenze nyulu uzenza onyulu, Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo. Ngokuba wena uyabasindisa abantu ababandezelekileyo, Uwathobe amehlo aqwayingileyo.
Funda IINDUMISO 18
Share
Compare All Versions: IINDUMISO 18:20-27
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos