Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Amaculo 18:20-27

Amaculo 18:20-27 XHO1902A

UYEHOVA wandivuza njengokwobulungisa bam; njengokwobumhlope bezandla zam wandibuyekezela. Ngokuba ndizibambile indlela ZIKAYEHOVA, ndandingemkanga ngenkohlakalo KUTIXO wam. Ngokuba zonke izigwebo zake zibe zipambi kwam; nemimiso yake andiyipambukisanga kum. Bendilungisekile pambi kwake, ndandizibamba enkohlakalweni yam: ngako UYEHOVA undibuyekezele njengokwobulungisa bam, njengokwobumhlope bezandla zam pambi kwamehlo ake. Konobubele uyazibonakalisa unobubele; kumntu olungisekile uyazibonakalisa ulungisekile; komsulwa uyazibonakalisa umsulwa; nakogwenxa uyazibonakalisa ugwenxa. Ngokuba abantu ababandezelweyo ubasindisa wena; kodwa amehlo eratshi uyawatobisa.