IINDUMISO 122:6-8
IINDUMISO 122:6-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Celelani iYerusalem uxolo; Mababe nokuchulumacha abakuthandayo, Malube luxolo eludongeni lwakho olurhaqileyo, Nokuchulumacha ezingxandeni zakho ezinde. Ngenxa yabazalwana bam nowethu, Makhe ndithethe uxolo ngawe.
IINDUMISO 122:6-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Thandazani kubekho inzolo eJerusalem, nithi: “Makube yinkqubela kwabakuthandayo, Jerusalem; kuwe makube chosi, kube hele, ukhuseleke umzi wakho jikelele.” Ngenxa yezihlobo nabalingane bam nangoku ndithi: “Makube chosi, kube hele!”
IINDUMISO 122:6-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Thandazelani uxolo lweYerusalem, ukuze baphumelele abakuthandayo. Makube luxolo phakathi kweendonga zakho nempumelelo ezindongeni zakho. Ngenxa yabazalwana bam namadlelane am ngoku ndiya kuthi: Uxolo malube nani!
IINDUMISO 122:6-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Celelani i‐Yerusaleme uxolo: boba sekwonwabeni abo bakutandayo. Makubeko uxolo pakati kwendonga zako, nokwonwaba pakati kwenqaba zako. Ngenxa yabazalwana bam nabahlobo bam, ndiya kuteta ke, nditi: Uxolo malube pakati kwako.