IINDUMISO 119:81-120
IINDUMISO 119:81-120 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Umphefumlo wam uyaphela kukululangazelela usindiso lwakho, Ndilindéle elizwini lakho. Amehlo am ayaphela kukulangazelela intetho yakho, Ndisithi, Ùya kundithuthuzela nini na? Noko ndithe ndaba njengentsuba emsini; Andiyilibali imimiselo yakho. Zingaphi na iintsuku zomkhonzi wakho? Ùya kuda ubagwebe nini na abandisukelayo? Abakhukhumali bandimbele izihogo, Abangenamyalelo wakho. Yonke imithetho yakho ithembekile: Bandisukela ngobuxoki; ndíncede. Baphantse ukundigqibela emhlabeni, Ke mna andizilahli iziyalezo zakho. Ndíphilise ngokwenceba yakho, Ndizigcine izingqiniso zomlomo wakho. Lingunaphakade, Yehova, Limi emazulwini ilizwi lakho. Ukuthembeka kwakho kukwizizukulwana ngezizukulwana; Ulizinzisile ihlabathi, lema. Ezo zinto zimele izigwebo zakho nanamhla, Ngokuba iinto zonke zingabakhonzi bakho. Koko umyalelo wakho wandiyolisáyo, Ndinge ndaphelayo ekucinezelekeni kwam. Andiyi kuzilibala naphakade iziyalezo zakho, Ngokuba undiphilisile ngazo. Ndingowakho mna, ndísindise, Kuba ndicamanga ngeziyalezo zakho. Abangendawo bandilindile ukuze banditshabalalise; Mna ndigqalé izingqiniso zakho. Yonke inzaliseko ndiyibonile apho iphela khona; Ke wona umthetho wakho ngumphangalala omkhulu. Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! Imini le yonke ndiyacamngca ngawo. Indifundisa ubulumko ngaphezu kweentshaba zam imithetho yakho, Ngokuba yeyam ngonaphakade. Ndìnokuqiqa ngaphezu kwabafundisi bam bonke, Ngokuba ngezingqiniso zakho ndiyacamngca. Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu, Ngokuba ndizibamba iziyalezo zakho. Ndizinqandile iinyawo zam kwiindlela zonke ezimbi, Ukuze ndiligcine ilizwi lakho. Andisuki emasikweni akho, Ngokuba ùndiyalile wena. Hayi, ukuba mnandi kwentetho yakho ekhuhlangubeni lam! Igqithe nobusi emlonyeni wam. Ngeziyalezo zakho ndinokuqonda, Ngenxa yoko ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki. Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, Likukukhanya emendweni wam. Ndikufungele, ndikumisile, Ukuzigcina izigwebo zobulungisa bakho. Ndide ndacinezeleka kakhulu; Yehova, ndíphilise ngokwelizwi lakho. Ngamana wakholeka kuwe, Yehova, umbingelelo wesisa womlomo wam; Ndífundise amasiko akho. Umphefumlo wam uhlala usesandleni sam, Ndingàwulibali umyalelo wakho. Abangendawo bandenzele umgibe, Andiphambukanga eziyalezweni zakho. Ndizidlé ilifa izingqiniso zakho ngonaphakade, Ngokuba ziyimihlali yentliziyo yam; Intliziyo yam ndiyithobele ekwenzeni imimiselo yakho Ngonaphakade, kuphele. Abambaxa ndiyabathiya, Wona umyalelo wakho ndiyawuthanda. Isithe lam nengweletshetshe yam nguwe, Ndìlindele elizwini lakho. Sukani kum, nina benzi beento ezimbi, Ndibámbe imithetho yoThixo wam. Ndízimase ngokwelizwi lakho, ndiphile, Ungandidanisi ekulindeni kwam. Ndíxhase ndisinde, Ndihlale ndibheke emimiselweni yakho. Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho, Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki. Wena ususa bonke abangendawo behlabathi njengentlenga, Ngoko ndiyazithanda izingqiniso zakho. Inyama yam isuka ihambe kukunkwantyiswa nguwe, Ndizoyike izigwebo zakho.

IINDUMISO 119:81-120 IBHAYIBHILE (XHO96)
*Ndikhoyo, kuncamekile kum, ndisindise! Ithemba lam lilizwi lakho. Amehlo amnyama kukujong' enkalweni; yaz'ba uya kundithuthuzela nini na? Andinto yanto, ndigqole oku kwentsuba yewayini esemsini; kambe ke andiyilibalanga imithetho yakho. Koda kube nini sinyamezele isicaka sakho? Ngani ungabohlwayi nje abanditshutshisayo? Abanekratshi bayandithiyela, abo bangawuthobeliyo umyalelo wakho. Imiqathango yakho ithembekile; nceda, nâbo bendibhijela ngobuxoki. Sebephantse bandicim' igama, kanti ke unotshe ukuba ndiyilahle imimiselo yakho. Ngenxa yezibele zakho ndihlaziye, ukuze ndihambe ngokwezithethe zakho. *Ndikhoyo, ilizwi lakho sisimakade; lithe zinzi emazulwini. Wena uya kuhlala uthembekile; ihlabathi walenza, soze lashukuma. Izigqibo zakho zohlala zihleli; iinto zonke zikhahlela kuwe. Ukuba bendingawulangazeleli umyalelo wakho ngezindibulele iimbandezelo. Soze ndiyityeshele imimiselo yakho, kuba ndibufumana kuyo ubomi. Mna ndingowakho, ndisindise, kuba ndiyayilandela imimiselo yakho. Abakhohlakeleyo bafuna ukunditshabalalisa; ke mna ndiyayetyisa imfundiso yakho. Ndiyaqonda ukuba ayikho into efezekileyo; ke yona imiqathango yakho ayinantanga ngemfezeko. Ndiyawuthanda kambe umyalelo wakho; ndiphicothana nawo imini yonke. Iziyalo zakho zendele kum; zindenza ndilumke kuneentshaba zam. Ndibavelele nabafundisayo, kuba ndizinonelele iimfundiso zakho. Ngokuqonda nditshatshele nakwabadala, kuba ndiyazithobela izithethe zakho. Ndiyazicezela iindlela ezinengozi, kuba ndithobela ilizwi lakho. Andiphambuki kwisigwebo sakho, njengoko wandifundisayo. Izithembiso zakho zimnandi, ziyanandipheka; ewe, ziyolile kunobusi. Imfundiso yakho indivul' ingqondo, ngoko ke ndibuthiyil' ubugwenxa. Ilizwi lakho sisibane sendlela yam; liyandikhanyisela eluhambeni. Ndizibophelele ngesifungo; ndiya kusithobela isigwebo sakho. *Ndikhoyo, ndixhwaleke ngokungathethekiyo; ndihlaziye ngokwedinga lakho. Ndikhoyo, wamkele umbulelo wam, undazise izigqibo zakho. Ubomi bam buhlala busesichengeni, kodwa andishenxi kumyalelo wakho. Abakhohlakeleyo bayandithiyela, kodwa andiphambuki kwimimiselo yakho. Imfundiso yakho lilifa lam nanini na; ewe, iluyolo entliziyweni. Ndizimisel' ukuyenza imithetho yakho; ewe, ndoyithobela kude kube sekupheleni. Ndibathiyile abantu abambaxa, kodwa ndiyawuthanda umyalelo wakho. Wena ulikhaka nekhusi lam; ndiqamele ngelizwi lakho. Khanindiyeke, nina bantu bangcolileyo, ndithobele imiqathango yoThixo wam. Ndixhase ngokwesithembiso sakho, khon' ukuze ndibudle ubomi; mandingadani kukufadalala kwethemba lam. Ndomeleze, khon' ukuze ndisinde, ndihlale ndinonelele imithetho yakho. Wena ubachasile abanxaxhayo emithethweni yakho; kona ukundweba kwabo ngamampunge. Wena izikhohlakali uzishenxisa njengenkunkuma; ngoko ke ndiyazithanda izithethe zakho. Ke mna ndiziva ndikoyika; sona isigwebo sakho siyandirhwaqelisa.
IINDUMISO 119:81-120 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
CAPH. Umphefumlo wam ulangazelela usindiso lwakho, Ke mna ndikholose ngelizwi lakho. Amehlo am ayakubona ukuthetha kwakho, Ndithi, Uya kundithuthuzela nini na? Ngokuba ndinjengokhula emsini; nangona kunjalo, andiyilibali iminqweno yakho. Zingaphi na iintsuku zomkhonzi wakho? uya kubagweba nini na abandisukelayo? Abakhukhumeleyo bemba imingxuma, Abangathobeli myalelo wakho. Yonke imithetho yakho ithembekile: Bandixinzelela phantsi ngobugqwetha; ndincede Baphantse ukunditshabalalisa ehlabathini; andityekanga kwimithetho yakho. Ndiphilise ngenceba yakho; ndizigcine izingqiniso zomlomo wakho. IMFUNEKO. Yehova, liqinile emazulwini ilizwi lakho ngonaphakade. Ukuthembeka kwakho kukwizizukulwana ngezizukulwana, Uliwenzile elimiweyo, limiwe. Namhla baphila ngokwemithetho yakho, ngokuba bonke bangabakhonzi bakho. Ukuba ubungandithandi umyalelo wakho, Ndinge ndaphelayo ekubandezelekeni kwam. Andiyi kuyilibala naphakade imithetho yakho, Ngokuba undidlise ubomi ngayo. Ndingowakho, ndisindise; kuba ndifuna izilumkiso zakho. Abangendawo bendilindele ukuba nditshabalale, Ke mna ndibambe isiluleko sakho. Yonke inzaliseko ndiyibonile apho iphela khona; Ke wona ucwangco lwakho lubanzi kakhulu. Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! oku kukucamngca kwam imini yonke. Undifundisa ubulumko ngaphezu kweentshaba zam ngemithetho yakho, Ngokuba yeyam ngonaphakade. Ndinokuqonda ngaphezu kwabo bonke abandifundisayo, Ngokuba iingcinga zakho ziziingcinga zam. Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu, Ngokuba ndiyigcina imithetho yakho. Ndizinqandile iinyawo zam kwiindlela zonke ezimbi, Ukuba ndiligcine ilizwi lakho. Andisuki emasikweni akho, Ngokuba undifundisile. Hayi, ukuba mnandi kwentetho yakho ekhuhlangubeni lam! Ewe, zimnandi kunobusi emlonyeni wam! Ndinokuqonda ngemithetho yakho; ngoko ke, ndikuthiyile zonke iindlela zobuqhophololo. NGOKU. Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, Likukukhanya emendweni wam. Ndikufungele, ndikumisile, ndathi, Izigwebo zobulungisa bakho ndiya kuzigcina. Nditshutshiswa kakhulu; Yehova, ndiphilise ngelizwi lakho. Yehova, yamkele iminikelo yokuzithandela yomlomo wam, Undifundise imigwebo yakho. Umphefumlo wam uhlala usesandleni sam, Ndingawulibali umyalelo wakho. Abangendawo bandithiyele ngesibatha, Noko ke andityekanga emithethweni yakho. Icebo lakho ndililifa kwamsinyane, Ngokuba kuluvuyo lwentliziyo yam. Ndiyibeke intliziyo yam ekwenzeni imithandazo yakho rhoqo, kude kube sekupheleni. ISAMEK. Abambaxa ndiyabathiya, Wona umyalelo wakho ndiyawuthanda. Uyindawo yam yokusabela, nengweletshetshe yam; Ndikholose ngelizwi lakho. Sukani kum, nina bakreqi; ngokuba ndiya kuyigcina imithetho yoThixo wam. Ndityebise ngelizwi lakho, Ndiphile, Ndingadani ngokuthemba kwam. Ndikhusele, ndisinde, Ndihlale ndiwagcina amacebo akho. Ubanyhashe bonke abatyekayo emiyalelweni yakho, Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki. Utshabalalisa bonke abangendawo behlabathi njengodaka; ngoko ke, ndiyalithanda icebiso lakho. Inyama yam isuka ihambe kukunkwantyiswa nguwe; ndiyayoyika imigwebo yakho.
IINDUMISO 119:81-120 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Umpefumlo wam uyapelela usindiso lwako: nditembele ezwini lako. Amehlo am ayapelela ilizwi lako, ndisiti: Uya kunditutuzela ninina? Ngokuba ndide ndaba njengemvaba esemsini; ndingalibalanga imimiso yako noko. Zingapina intsuku zesicaka sako? uya kuwenza umgwebo ninina pezu kwabandizingelayo? Abaner̔atshi bandimbele izihogo; ekungenjengawo umteto wako. Yonke imiyalelo yako iyinyaniseko; bayandizingela kungeko ndawo; ndincede. Bapantsi kundigqibela emhlabeni; koko ndingashiyanga ingxelo zako. Ndipilise njengokwobubele bako; kukona ndiya kugcina isinqi̔nelo somlomo wako. YEHOVA! ilizwi lako limi ezulwini kude kube ngunapakade. Inyaniseko yako ikwisizukulwana ngesizukulwana: uqinisile umhlaba, wema ke. Ngezigwebo zako zimi kwada kwanamhla; ngokuba zonke zizicaka zako. Ukuba umteto wako wabungelulo uyolo lwam, ngendibubile oko ndisebunzimeni bam. Andisayi kuza ndilibale ingxelo zako; ngokuba undipilisile ngazo. Ndingowako, ndisindise; ngokuba ndizifunile ingxelo zako. Abakohlakeleyo bandilalele ukundibubisa: kodwa ndokumbula izinqi̔nelo zako. Ndibonile isipelo kuyo yonke imfezeko: kodwa umyalelo wako ubanzi kakulu. Hai ukutanda kwam umteto wako! kukucinga kwam wona imini yonke. Wena undilumkisile ngemiyalelo yako ngapezu kwentshaba zam; ngokuba kungunapakade ikum. Ndinokuqonda ngapezu kwabafundisi bam bonke; ngokuba izinqi̔nelo zako zikukucinga kwam. Ndinokuqiqa ngapezu kwabadala; ngokuba ndibamba ingxelo zako. Ndinqandile inyawo zam kuzo zonke indlela ezingalungileyo, ukuze ndigcine ilizwi lako. Andimkanga kuzo izigwebo zako; ngokuba wena undifundisile. Hai ukuba mnandi kwamazwi ako kwikuhlangubo lam! ngapezu kwabo ubusi kumlomo wam! Ngazo ingxelo zako ndiyazuza ingqondo: ngako ndiyatiya zonke indlela zobuxoki. Ilizwi lako lisisibane ngasezinyaweni zam, nesikanyiso ngasendleleni yam. Ndifungile, ndandiya kuqinisa, ukuba ndogcina izigwebo zako ezilungileyo. Ndibulawa kakulu: ndipilise, YEHOVA! njengokwelizwi lako. Uz’ uti ke, YEHOVA! uyibuke iminikelo yesisa yomlomo wam, undifundise izigwebo zako. Ubomi bam busesandleni sam futi: umteto wako andiwulibali noko. Abakohlakeleyo bandibekele umgibe: andilahlekene nengxelo zako noko. Nditabatile izinqi̔nelo zako zibe lilifa lam kude kube ngunapakade; ngokuba ziluvuyiso lwentliziyo yam. Nditobele intliziyo yam ukwenza imimiso yako ngamaxesha onke, kude kube sekupeleni. Amatindala ndiyawatiya; kodwa umteto wako ndiyawutanda. Nguwe indawo yam yokufihlela nekaka lam: ndiyatembela ezwini lako. Mkani kum, nina benzi bokungalungileyo! ngokuba ndiya kubamba imiyalelo YOTIXO wam. Ndisekele njengokwelizwi lako, ndize ndidle ubomi: zungandidanisi ngokwetemba lam. Ndixase, wena! kukona ndiya kugcineka: ndandiya kugqala imimiso yako futi. Ubalahlile bonke abalahlekana nemimiso yako: ngokuba inkohliso yabo iyinto engendawo. Bonke abakohlakeleyo bomhlaba uyabapelisa njengentlenga: ngako oko ndiyatanda izinqi̔nelo zako. Inyama yam iyangcangcazela ngokwoyika wena: ngokuba ndiyoyika imigwebo yako.