Umpefumlo wam uyapelela usindiso lwako: nditembele ezwini lako. Amehlo am ayapelela ilizwi lako, ndisiti: Uya kunditutuzela ninina? Ngokuba ndide ndaba njengemvaba esemsini; ndingalibalanga imimiso yako noko. Zingapina intsuku zesicaka sako? uya kuwenza umgwebo ninina pezu kwabandizingelayo? Abaner̔atshi bandimbele izihogo; ekungenjengawo umteto wako. Yonke imiyalelo yako iyinyaniseko; bayandizingela kungeko ndawo; ndincede. Bapantsi kundigqibela emhlabeni; koko ndingashiyanga ingxelo zako. Ndipilise njengokwobubele bako; kukona ndiya kugcina isinqi̔nelo somlomo wako. YEHOVA! ilizwi lako limi ezulwini kude kube ngunapakade. Inyaniseko yako ikwisizukulwana ngesizukulwana: uqinisile umhlaba, wema ke. Ngezigwebo zako zimi kwada kwanamhla; ngokuba zonke zizicaka zako. Ukuba umteto wako wabungelulo uyolo lwam, ngendibubile oko ndisebunzimeni bam. Andisayi kuza ndilibale ingxelo zako; ngokuba undipilisile ngazo. Ndingowako, ndisindise; ngokuba ndizifunile ingxelo zako. Abakohlakeleyo bandilalele ukundibubisa: kodwa ndokumbula izinqi̔nelo zako. Ndibonile isipelo kuyo yonke imfezeko: kodwa umyalelo wako ubanzi kakulu. Hai ukutanda kwam umteto wako! kukucinga kwam wona imini yonke. Wena undilumkisile ngemiyalelo yako ngapezu kwentshaba zam; ngokuba kungunapakade ikum. Ndinokuqonda ngapezu kwabafundisi bam bonke; ngokuba izinqi̔nelo zako zikukucinga kwam. Ndinokuqiqa ngapezu kwabadala; ngokuba ndibamba ingxelo zako. Ndinqandile inyawo zam kuzo zonke indlela ezingalungileyo, ukuze ndigcine ilizwi lako. Andimkanga kuzo izigwebo zako; ngokuba wena undifundisile. Hai ukuba mnandi kwamazwi ako kwikuhlangubo lam! ngapezu kwabo ubusi kumlomo wam! Ngazo ingxelo zako ndiyazuza ingqondo: ngako ndiyatiya zonke indlela zobuxoki. Ilizwi lako lisisibane ngasezinyaweni zam, nesikanyiso ngasendleleni yam. Ndifungile, ndandiya kuqinisa, ukuba ndogcina izigwebo zako ezilungileyo. Ndibulawa kakulu: ndipilise, YEHOVA! njengokwelizwi lako. Uz’ uti ke, YEHOVA! uyibuke iminikelo yesisa yomlomo wam, undifundise izigwebo zako. Ubomi bam busesandleni sam futi: umteto wako andiwulibali noko. Abakohlakeleyo bandibekele umgibe: andilahlekene nengxelo zako noko. Nditabatile izinqi̔nelo zako zibe lilifa lam kude kube ngunapakade; ngokuba ziluvuyiso lwentliziyo yam. Nditobele intliziyo yam ukwenza imimiso yako ngamaxesha onke, kude kube sekupeleni. Amatindala ndiyawatiya; kodwa umteto wako ndiyawutanda. Nguwe indawo yam yokufihlela nekaka lam: ndiyatembela ezwini lako. Mkani kum, nina benzi bokungalungileyo! ngokuba ndiya kubamba imiyalelo YOTIXO wam. Ndisekele njengokwelizwi lako, ndize ndidle ubomi: zungandidanisi ngokwetemba lam. Ndixase, wena! kukona ndiya kugcineka: ndandiya kugqala imimiso yako futi. Ubalahlile bonke abalahlekana nemimiso yako: ngokuba inkohliso yabo iyinto engendawo. Bonke abakohlakeleyo bomhlaba uyabapelisa njengentlenga: ngako oko ndiyatanda izinqi̔nelo zako. Inyama yam iyangcangcazela ngokwoyika wena: ngokuba ndiyoyika imigwebo yako.
Funda Amaculo 119
Share
Compare All Versions: Amaculo 119:81-120
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos