Umphefumlo wam uyaphela kukululangazelela usindiso lwakho,
Ndilindéle elizwini lakho.
Amehlo am ayaphela kukulangazelela intetho yakho,
Ndisithi, Ùya kundithuthuzela nini na?
Noko ndithe ndaba njengentsuba emsini;
Andiyilibali imimiselo yakho.
Zingaphi na iintsuku zomkhonzi wakho?
Ùya kuda ubagwebe nini na abandisukelayo?
Abakhukhumali bandimbele izihogo,
Abangenamyalelo wakho.
Yonke imithetho yakho ithembekile:
Bandisukela ngobuxoki; ndíncede.
Baphantse ukundigqibela emhlabeni,
Ke mna andizilahli iziyalezo zakho.
Ndíphilise ngokwenceba yakho,
Ndizigcine izingqiniso zomlomo wakho.
Lingunaphakade, Yehova,
Limi emazulwini ilizwi lakho.
Ukuthembeka kwakho kukwizizukulwana ngezizukulwana;
Ulizinzisile ihlabathi, lema.
Ezo zinto zimele izigwebo zakho nanamhla,
Ngokuba iinto zonke zingabakhonzi bakho.
Koko umyalelo wakho wandiyolisáyo,
Ndinge ndaphelayo ekucinezelekeni kwam.
Andiyi kuzilibala naphakade iziyalezo zakho,
Ngokuba undiphilisile ngazo.
Ndingowakho mna, ndísindise,
Kuba ndicamanga ngeziyalezo zakho.
Abangendawo bandilindile ukuze banditshabalalise;
Mna ndigqalé izingqiniso zakho.
Yonke inzaliseko ndiyibonile apho iphela khona;
Ke wona umthetho wakho ngumphangalala omkhulu.
Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho!
Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.
Indifundisa ubulumko ngaphezu kweentshaba zam imithetho yakho,
Ngokuba yeyam ngonaphakade.
Ndìnokuqiqa ngaphezu kwabafundisi bam bonke,
Ngokuba ngezingqiniso zakho ndiyacamngca.
Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu,
Ngokuba ndizibamba iziyalezo zakho.
Ndizinqandile iinyawo zam kwiindlela zonke ezimbi,
Ukuze ndiligcine ilizwi lakho.
Andisuki emasikweni akho,
Ngokuba ùndiyalile wena.
Hayi, ukuba mnandi kwentetho yakho ekhuhlangubeni lam!
Igqithe nobusi emlonyeni wam.
Ngeziyalezo zakho ndinokuqonda,
Ngenxa yoko ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki.
Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho,
Likukukhanya emendweni wam.
Ndikufungele, ndikumisile,
Ukuzigcina izigwebo zobulungisa bakho.
Ndide ndacinezeleka kakhulu;
Yehova, ndíphilise ngokwelizwi lakho.
Ngamana wakholeka kuwe, Yehova, umbingelelo wesisa womlomo wam;
Ndífundise amasiko akho.
Umphefumlo wam uhlala usesandleni sam,
Ndingàwulibali umyalelo wakho.
Abangendawo bandenzele umgibe,
Andiphambukanga eziyalezweni zakho.
Ndizidlé ilifa izingqiniso zakho ngonaphakade,
Ngokuba ziyimihlali yentliziyo yam;
Intliziyo yam ndiyithobele ekwenzeni imimiselo yakho
Ngonaphakade, kuphele.
Abambaxa ndiyabathiya,
Wona umyalelo wakho ndiyawuthanda.
Isithe lam nengweletshetshe yam nguwe,
Ndìlindele elizwini lakho.
Sukani kum, nina benzi beento ezimbi,
Ndibámbe imithetho yoThixo wam.
Ndízimase ngokwelizwi lakho, ndiphile,
Ungandidanisi ekulindeni kwam.
Ndíxhase ndisinde,
Ndihlale ndibheke emimiselweni yakho.
Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho,
Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki.
Wena ususa bonke abangendawo behlabathi njengentlenga,
Ngoko ndiyazithanda izingqiniso zakho.
Inyama yam isuka ihambe kukunkwantyiswa nguwe,
Ndizoyike izigwebo zakho.