Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IINDUMISO 119:81-120

IINDUMISO 119:81-120 XHO96

*Ndikhoyo, kuncamekile kum, ndisindise! Ithemba lam lilizwi lakho. Amehlo amnyama kukujong' enkalweni; yaz'ba uya kundithuthuzela nini na? Andinto yanto, ndigqole oku kwentsuba yewayini esemsini; kambe ke andiyilibalanga imithetho yakho. Koda kube nini sinyamezele isicaka sakho? Ngani ungabohlwayi nje abanditshutshisayo? Abanekratshi bayandithiyela, abo bangawuthobeliyo umyalelo wakho. Imiqathango yakho ithembekile; nceda, nâbo bendibhijela ngobuxoki. Sebephantse bandicim' igama, kanti ke unotshe ukuba ndiyilahle imimiselo yakho. Ngenxa yezibele zakho ndihlaziye, ukuze ndihambe ngokwezithethe zakho. *Ndikhoyo, ilizwi lakho sisimakade; lithe zinzi emazulwini. Wena uya kuhlala uthembekile; ihlabathi walenza, soze lashukuma. Izigqibo zakho zohlala zihleli; iinto zonke zikhahlela kuwe. Ukuba bendingawulangazeleli umyalelo wakho ngezindibulele iimbandezelo. Soze ndiyityeshele imimiselo yakho, kuba ndibufumana kuyo ubomi. Mna ndingowakho, ndisindise, kuba ndiyayilandela imimiselo yakho. Abakhohlakeleyo bafuna ukunditshabalalisa; ke mna ndiyayetyisa imfundiso yakho. Ndiyaqonda ukuba ayikho into efezekileyo; ke yona imiqathango yakho ayinantanga ngemfezeko. Ndiyawuthanda kambe umyalelo wakho; ndiphicothana nawo imini yonke. Iziyalo zakho zendele kum; zindenza ndilumke kuneentshaba zam. Ndibavelele nabafundisayo, kuba ndizinonelele iimfundiso zakho. Ngokuqonda nditshatshele nakwabadala, kuba ndiyazithobela izithethe zakho. Ndiyazicezela iindlela ezinengozi, kuba ndithobela ilizwi lakho. Andiphambuki kwisigwebo sakho, njengoko wandifundisayo. Izithembiso zakho zimnandi, ziyanandipheka; ewe, ziyolile kunobusi. Imfundiso yakho indivul' ingqondo, ngoko ke ndibuthiyil' ubugwenxa. Ilizwi lakho sisibane sendlela yam; liyandikhanyisela eluhambeni. Ndizibophelele ngesifungo; ndiya kusithobela isigwebo sakho. *Ndikhoyo, ndixhwaleke ngokungathethekiyo; ndihlaziye ngokwedinga lakho. Ndikhoyo, wamkele umbulelo wam, undazise izigqibo zakho. Ubomi bam buhlala busesichengeni, kodwa andishenxi kumyalelo wakho. Abakhohlakeleyo bayandithiyela, kodwa andiphambuki kwimimiselo yakho. Imfundiso yakho lilifa lam nanini na; ewe, iluyolo entliziyweni. Ndizimisel' ukuyenza imithetho yakho; ewe, ndoyithobela kude kube sekupheleni. Ndibathiyile abantu abambaxa, kodwa ndiyawuthanda umyalelo wakho. Wena ulikhaka nekhusi lam; ndiqamele ngelizwi lakho. Khanindiyeke, nina bantu bangcolileyo, ndithobele imiqathango yoThixo wam. Ndixhase ngokwesithembiso sakho, khon' ukuze ndibudle ubomi; mandingadani kukufadalala kwethemba lam. Ndomeleze, khon' ukuze ndisinde, ndihlale ndinonelele imithetho yakho. Wena ubachasile abanxaxhayo emithethweni yakho; kona ukundweba kwabo ngamampunge. Wena izikhohlakali uzishenxisa njengenkunkuma; ngoko ke ndiyazithanda izithethe zakho. Ke mna ndiziva ndikoyika; sona isigwebo sakho siyandirhwaqelisa.