IINDUMISO 119:121-160
IINDUMISO 119:121-160 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndizithobele izimiso zakho, andinabala; sukundiyekela ngabo banditshutshisayo. Ndivelele undilungiselele, mna sicaka sakho; mandingaxhatshazwa zizijama-nkungwini. Amehlo am selenikezela, ejonge ukusindiswa, nditsho ukufezekiswa kwesithembiso sakho. Ndazelelele ngokokuphuphuma kwezibele zakho, undifundise imithetho yakho. Ndingowakho, ndiphe ukuqonda, ukuze ndizazi izithethe zakho. Ngoku ke kungawe, *Ndikhoyo; abantu bawunyathele umyalelo wakho. Iziyalo zakho ndiyazithanda ngaphezu kwayo negolide yodidi; kungoko ndiyilandela imimiselo yakho; ke kona ukunxaxha ndikuthiyile. Imfundiso yakho ibalulekile; ndoyithobela ngomxhelo wam wonke. Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge; abangazi nto libanika ukuqonda. Ndisuka ndikhefuze ndithe nkebe, kuba ndiyazilangazelela iziyalo zakho. Khawuze kum undibabale, kakade wenjenjalo kwabakuthandayo. Khawundisekele ngokwesithembiso sakho, ungandiyekeli ndonganyelwe bububi. Ndikhulule kwingcinezelo yabantu, ukuze ndiyenze imimiselo yakho. Ndivelele undazelelele, undifundise imithetho yakho. Ngenxa yabantu abangawuthobeliyo umthetho wakho zitsho ziphalale iinyembezi kum. Hayi kambe ukulunga kwakho, *Ndikhoyo! Ewe, isigwebo sakho asinagobe. Usinika imfundiso enobulungisa; ewe, inolungelelwano, ithe ngqo. Ikhwele lindongamele ngenxa yeentshaba ezingalikhathalelanga ilizwi lakho. Izithembiso zakho zivavanyiwe zagqwesa; ke mna ndizixabise gqitha. Nakuba ndidelekile, ndingazelwa nto, andishenxi kwimimiselo yakho. Ubulungisa bakho bohlala buhleli, nomyalelo wakho wohlala uthembekile. Ndiphahlwe ziinzima neenkathazo, kodwa ke mna andiziva ngeziyalo zakho. Imfundiso yakho iya kuhlala ifezekile; ndiphe ukuqonda, ukuze ndiphile. Yo-o-o! Khawundivelele, *Mhlekazi! Ke yona imithetho yakho ndiya kuyithobela. Ndizibika kuwe, ndikhulule; imfundiso yakho ndoyithobela. Ndikhala kuwe kusathi qheke ukusa; kaloku ndikholosa ngezwi lakho. Ndivuk' ezinzulwini zobusuku; ndicamngca ngezithembiso zakho. Ngenxa yezibele zakho, *Ndikhoyo, sabela, undihlaziye ngokwesigqibo sakho. Abandenzela amayelenqe bayasondela, bona abayikhathalelanga imiyalelo yakho. Kanti ke wena ukufutshane nam, Ndikhoyo, neziyalo zakho zithembekile. Kwantlandlolo ndizifundile izithethe zakho; zaye ke zona zisisimakade. Velana nam, kuba ndibandezelekile, undisindise, kuba andishenxi emyalelweni wakho. Zabalaza undihlangule; ndihlaziye ngokwesithembiso sakho. Kwizikhohlakali usindiso luthe qelele, kuba aziyikhathalele imithetho yakho. Ke wena, *Ndikhoyo, unguSozinceba; ndihlaziye ngokwesigqibo sakho. Zininzi iintshaba nabandibandezelayo, kodwa andishenxi kwimfundiso yakho. Ndiyakhamnqa ndakubona abangcatshi; kaloku bona abalise so idinga lakho. Ndiyayithanda kambe imimiselo yakho, Ndikhoyo; ngokwezibele zakho ndazelele ebomini. Oyena ndoqo wodaba lwakho yinyaniso; xa zizonke izigqibo zakho soze zithini.
IINDUMISO 119:121-160 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndenza ngesiko nangobulungisa, Ungandinikeli kwabandicudisayo. Mmele umkhonzi wakho, kulunge; Mabangandicudisi abakhukhumali. Amehlo am ayaphela kukululangazelela usindiso lwakho, Nentetho yobulungisa bakho. Umkhonzi wakho menzele ngokwenceba yakho Undifundise imimiselo yakho. Ndingumkhonzi wakho, ndiqondise, Ndizàzi izingqiniso zakho. Lilixa lokuba uYehova enze, Kuba bawaphúle umyalelo wakho. Ngenxa yoko ndiyithanda imithetho yakho Ngaphezu kwegolide, nakwengcwengiweyo. Ngenxa yoko ndithi, Zonke iziyalezo zakho zithe tye ngezinto zonke; Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile. Ziyimisebenzi ebalulekileyo izingqiniso zakho, Ngenxa yoko úzibambile umphefumlo wam. Ukutyhila kwamazwi akho kuyakhanyisa, Kuqondisa abazizidenge. Ndakhamisa umlomo wam, ndakhefuza, Ngokuba ndiyilangazelela imithetho yakho. Ndíbheke, undibabale, Ngokwesiko lakho kubathandi begama lakho. Qinisa ukunyathela kwam ngentetho yakho, Mabungabi nagunya kum ubutshinga, nabuphi na. Ndíkhulule ekucudiseni komntu, Ndizigcine iziyalezo zakho. Khanyisa ubuso bakho kumkhonzi wakho, Undifundise imimiselo yakho. Ahla imijelo yamanzi amehlo am, Ngenxa yokuba bengawugcini umyalelo wakho. Ùlilungisa wena, Yehova, Zithe tye izigwebo zakho. Uzimisile izingqiniso zakho, zanobulungisa, Zaba nokuthembeka kakhulu. Ikhwele lam lindibhangisile, Ngokuba abandibandezelayo bewalibele amazwi akho. Ilizwi lakho linyibilikisiwe njengegolide kunene, Umkhonzi wakho uyalithanda. Ndimncinane, ndideliwe, Noko andizilibali iziyalezo zakho. Ubulungisa bakho bubulungisa obungunaphakade, Umyalelo wakho uyinyaniso. Imbandezelo nengcutheko indifumene, Imithetho yakho iyandiyolisa. Zinobulungisa ngonaphakade izingqiniso zakho, Ndíqondise, ndiphile. Ndikhala ngentliziyo yonke, ndíphendule; Yehova, imimiselo yakho ndiya kuyibamba. Ndikhala kuwe, ndísindise, Ndigcìne izingqiniso zakho. Ndakúphangela ukusa, ndazibika, Ndalindela emazwini akho. Amehlo am áphengela imilindo yasebusuku, Ukuze ndicamngce ngentetho yakho. Líve ilizwi lam ngokwenceba yakho, Yehova, ndíphilise ngokwamasiko akho. Bayasondela abaphuthuma amanyala, Banyawuka emyalelweni wakho; Ùsondele wena, Yehova, Yonke imithetho yakho iyinyaniso. Kudala ndisazi ngokwezingqiniso zakho, Ukuba uzisekile ngonaphakade. Khangela ukucinezeleka kwam, undihlangule, Ngokuba ndingawulibali umyalelo wakho. Bambana nobambene nam, undikhulule, Ndíphilise ngokwelizwi lakho. Lunyawukile kwabangendawo usindiso, Ngokuba abayifuni imimiselo yakho. Iimfesane zakho zininzi, Yehova; Ndíphilise ngokwamasiko akho. Baninzi abandisukelayo nabandibandezelayo; Àndithi gu bucala ezingqinisweni zakho. Ndababona abatshinizi, ndakruquka, Abo bangàyigciniyo intetho yakho. Bóna ukuthanda kwam iziyalezo zakho, Yehova, ndíphilise ngokwenceba yakho. Isimbuku selizwi lakho siyinyaniso iphela, Zingunaphakade zonke izigwebo zobulungisa bakho.

IINDUMISO 119:121-160 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
AIN. Ndenza ngokwesiko nangobulungisa; ungandishiyi kubacinezeli bam. Mgcine umkhonzi wakho; mabangandigqithisi phambi kwam abazidlayo. Amehlo am alukhangele usindiso lwakho, Nentetho yobulungisa bakho. Menzele inceba umkhonzi wakho, Ndifundise ubulumko bakho. Ndingumkhonzi wakho; Ndiqondise, ndiwazi amacebo akho. Lixesha lokuba wenze, Yehova, ngenxa yokuba bawutshitshisile waza watshitshisa umthetho wakho. Ngenxa yoko ndiyithanda imithetho yakho ngaphezu kwegolide embiweyo; ewe, ngaphezu kwegolide engcwengiweyo. Ke ngoko, ndiyigqala njengelungileyo yonke imiyalelo yakho; yaye ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki. PE. Ingcebiso yakho iyamangalisa; ke ngoko, umphefumlo wam uyazigcina. Ukutyhilwa kwamazwi akho kuyakhanyisa; inika ukuqonda koswele ukuqonda. Ndakhamisa umlomo wam, ndancwina, Ngokuba ndiyikhumbula imiyalelo yakho. Ndibheke, undibabale, Njengoko ubusenza kwabathanda igama lakho. Landela ukunyathela kwam ngelizwi lakho, Musa ukundilawula ngobubi. Ndihlangule ekubandezelekeni kwabantu, Ndigcine imithetho yakho. Bukhanyise ubuso bakho kumkhonzi wakho; undifundise iimfihlelo zakho. Emehlweni am kuphuma imijelo yamanzi, Ngokuba abawugcini umyalelo wakho. TZADDI. Ulilungisa, Yehova, nezigwebo zakho zinobulungisa. Icebo lakho oliwisele umthetho lilungile, lithembekile. Ikhwele lam lindidlile, Ngokuba iintshaba zam ziwalibele amazwi akho. Ilizwi lakho liqaqambile kakhulu; ngenxa yoko umkhonzi wakho emthanda. Ndimncinane, ndideliwe; andiyilibali imithetho yakho. Ubulungisa bakho bubulungisa obungunaphakade, Umyalelo wakho uyinyaniso. Ndicinezelekile, ndicinezelekile; Kodwa imithetho yakho iyandivuyisa. Ubulungisa bengcinga yakho buya kuhlala ngonaphakade; ndiqondise, ndiphile. INTLOKO. Ndalila ngentliziyo yam yonke; Ndiphendule, Yehova, ndiya kuyigcina imithandazo yakho. Ndadanduluka kuwe; ndisindise, ndiwagcine amacebo akho. Ndema ngesifingo, ndamemeza, Ndikholosa ngelizwi lakho. Amehlo am aphengela umlindo wasebusuku, Ukuze ndicinge intetho yakho. Live ilizwi lam ngokokulunga kwakho, Yehova, ndiphilise ngokwamasiko akho. Abasondelayo balandele ububi, Banyawukile emyalelweni wakho. Ukufuphi, Yehova; yonke imithetho yakho iyinyaniso. Ndiyawazi amacebo akho kwasekuqaleni, Ngokuba umi ngonaphakade. RESH. yibazele indlebe ukucinezeleka kwam, undisindise, Ngokuba ndingawulibali umyalelo wakho. Ndibambezele etyaleni lam, undisindise; ndiphilise ngelizwi lakho. Lunyawukile kwabangendawo usindiso, Ngokuba abazifuni iintsikelelo zakho. Iinceba zakho zininzi, Yehova; ndihlaziyeke ngokuncwina kwakho. Baninzi abandisukelayo neentshaba zam; noko andiphambuki kwicebiso lakho. Ndababona abanginizayo, ndadana; ngokuba bengaligcinanga ilizwi lakho. Bona ukuthanda kwam imithetho yakho, Ndiphilise, Yehova, ngokwenceba yakho. Kwasekuqaleni liyinyaniso ilizwi lakho, Zonke izigwebo zobulungisa bakho zingunaphakade.
IINDUMISO 119:121-160 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndenzile ubugwebo nobulungisa: zungandilahleli ebabandezelini bam. Yiba ngumbambiseli wesicaka sako ngako okulungileyo: abaner̔atshi mabangandibandezeli. Amehlo am ayapelela usindiso lwako, nelizwi lobulungisa bako. Yenzela isicaka sako njengokwobubele bako, undifundise imimiso yako. Ndisisicaka sako; ndiqondise, ndandiya kuzazi izinqi̔nelo zako. Selilixesha lokuba kusebenze UYEHOVA; ngokuba bewapule umteto wako. Ngako oko ndiyatanda imiyalelo yako pezu kwegolide; ewe, pezu kwegolide ecokisiweyo. Ngako oko zonke ingxelo zako ngento zonke ndivumele ukulunga kwazo: kodwa zonke indlela zobuxoki ndizitiyile. Izinqi̔nelo zako zingummangaliso; ngako oko umpefumlo wam uyazibamba. Ukutyila kwelizwi lako kuyakanyisa; kuyaqondisa izidenge. Ndavula umlomo wam, ndabefula; ngokuba ndibe ndilangazelela imiyalelo yako. Beka kum, undipate ngofefe, njengesiko kwabo batanda igama lako. Lungisa amanyatela am ngelizwi lako: makungabi nabukosi pezu kwam nanye inkohlakalo. Ndikulule ekubandezeleni kwabantu; ndandiya kugcina ingxelo zako. Ubuso bako bukanyise pezu kwesicaka sako, undifundise imimiso yako. Imijelo yamanzi iyehla emehlweni am, ngokuba bengagcini umteto wako. Ulungile wena, YEHOVA! yinto efanelekileyo nezigwebo zako. Izinqi̔nelo zako, ozixelileyo, zinobulungisa, zinenyaniso kakulu. Ubukwele bam bundigqibile, ngokuba intshaba zam zilibele amazwi ako. Ilizwi lako licocekile kanye; kukona isicaka sako silitandayo. Ndimncinane, ndideliwe; andilibali ingxelo zako noko. Ubulungisa bako bubulungisa obungunapakade, nomteto wako uyinyaniso. Ndihlelwe bubunzima noxinezeko: imiyalelo yako iluyolo lwam noko. Ubulungisa bezinqi̔nelo zako bungunapakade: ndiqondise, ndandiya kudla ubomi. Ndabiza ngentliziyo yonke; ndipendule, YEHOVA! ndiya kugcina imimiso yako. Ndabizela kuwe; ndisindise, ndandiya kugcina izinqi̔nelo zako. Ndapangela isifingo sokusa, ndadanduluka: ndatembela ezwini lako. Amehlo am ayapangela amavaṙasho asebusuku, ndize ndicinge ilizwi lako. Yiva ilizwi lam njengokwobubele bako: YEHOVA! ndipilise njengokwogwebo lwako. Basondele abo baputumayo ubumenemene: bakude nomteto wako. Ukufupi wena, YEHOVA! yonke imiyalelo yako iyinyaniso. Kwa kudala ndikwazile ngazo izinqi̔nelo zako ukuba uzimisile kude kube ngunapakade. Bona ubunzima bam, undihlangule: ngokuba ndingalibali umteto wako. Tetelela ityala lam, undikulule: ndipilise njengokwelizwi lako. Usindiso lukude nabakohlakeleyo; ngokuba bengafuni imimiso yako. Izibele zako zininzi, YEHOVA! ndipilise njengokwezigwebo zako. Baninzi abatshutshisi bam nentshaba zam: andishenxi ezinqi̔nelweni zako noko. Ndabona abo benza ngobuxoki, ndadela; ngokuba bengaligcinanga ilizwi lako. Bona ukuba ingxelo zako ndizitandile: ndipilise, YEHOVA! njengokwobubele bako. Ilizwi lako liyinyaniso lipela; zonke izigwebo zako ezilungileyo zingunapakade.