Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IINDUMISO 119:121-160

IINDUMISO 119:121-160 XHO96

Ndizithobele izimiso zakho, andinabala; sukundiyekela ngabo banditshutshisayo. Ndivelele undilungiselele, mna sicaka sakho; mandingaxhatshazwa zizijama-nkungwini. Amehlo am selenikezela, ejonge ukusindiswa, nditsho ukufezekiswa kwesithembiso sakho. Ndazelelele ngokokuphuphuma kwezibele zakho, undifundise imithetho yakho. Ndingowakho, ndiphe ukuqonda, ukuze ndizazi izithethe zakho. Ngoku ke kungawe, *Ndikhoyo; abantu bawunyathele umyalelo wakho. Iziyalo zakho ndiyazithanda ngaphezu kwayo negolide yodidi; kungoko ndiyilandela imimiselo yakho; ke kona ukunxaxha ndikuthiyile. Imfundiso yakho ibalulekile; ndoyithobela ngomxhelo wam wonke. Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge; abangazi nto libanika ukuqonda. Ndisuka ndikhefuze ndithe nkebe, kuba ndiyazilangazelela iziyalo zakho. Khawuze kum undibabale, kakade wenjenjalo kwabakuthandayo. Khawundisekele ngokwesithembiso sakho, ungandiyekeli ndonganyelwe bububi. Ndikhulule kwingcinezelo yabantu, ukuze ndiyenze imimiselo yakho. Ndivelele undazelelele, undifundise imithetho yakho. Ngenxa yabantu abangawuthobeliyo umthetho wakho zitsho ziphalale iinyembezi kum. Hayi kambe ukulunga kwakho, *Ndikhoyo! Ewe, isigwebo sakho asinagobe. Usinika imfundiso enobulungisa; ewe, inolungelelwano, ithe ngqo. Ikhwele lindongamele ngenxa yeentshaba ezingalikhathalelanga ilizwi lakho. Izithembiso zakho zivavanyiwe zagqwesa; ke mna ndizixabise gqitha. Nakuba ndidelekile, ndingazelwa nto, andishenxi kwimimiselo yakho. Ubulungisa bakho bohlala buhleli, nomyalelo wakho wohlala uthembekile. Ndiphahlwe ziinzima neenkathazo, kodwa ke mna andiziva ngeziyalo zakho. Imfundiso yakho iya kuhlala ifezekile; ndiphe ukuqonda, ukuze ndiphile. Yo-o-o! Khawundivelele, *Mhlekazi! Ke yona imithetho yakho ndiya kuyithobela. Ndizibika kuwe, ndikhulule; imfundiso yakho ndoyithobela. Ndikhala kuwe kusathi qheke ukusa; kaloku ndikholosa ngezwi lakho. Ndivuk' ezinzulwini zobusuku; ndicamngca ngezithembiso zakho. Ngenxa yezibele zakho, *Ndikhoyo, sabela, undihlaziye ngokwesigqibo sakho. Abandenzela amayelenqe bayasondela, bona abayikhathalelanga imiyalelo yakho. Kanti ke wena ukufutshane nam, Ndikhoyo, neziyalo zakho zithembekile. Kwantlandlolo ndizifundile izithethe zakho; zaye ke zona zisisimakade. Velana nam, kuba ndibandezelekile, undisindise, kuba andishenxi emyalelweni wakho. Zabalaza undihlangule; ndihlaziye ngokwesithembiso sakho. Kwizikhohlakali usindiso luthe qelele, kuba aziyikhathalele imithetho yakho. Ke wena, *Ndikhoyo, unguSozinceba; ndihlaziye ngokwesigqibo sakho. Zininzi iintshaba nabandibandezelayo, kodwa andishenxi kwimfundiso yakho. Ndiyakhamnqa ndakubona abangcatshi; kaloku bona abalise so idinga lakho. Ndiyayithanda kambe imimiselo yakho, Ndikhoyo; ngokwezibele zakho ndazelele ebomini. Oyena ndoqo wodaba lwakho yinyaniso; xa zizonke izigqibo zakho soze zithini.