Ndenza ngesiko nangobulungisa,
Ungandinikeli kwabandicudisayo.
Mmele umkhonzi wakho, kulunge;
Mabangandicudisi abakhukhumali.
Amehlo am ayaphela kukululangazelela usindiso lwakho,
Nentetho yobulungisa bakho.
Umkhonzi wakho menzele ngokwenceba yakho
Undifundise imimiselo yakho.
Ndingumkhonzi wakho, ndiqondise,
Ndizàzi izingqiniso zakho.
Lilixa lokuba uYehova enze,
Kuba bawaphúle umyalelo wakho.
Ngenxa yoko ndiyithanda imithetho yakho
Ngaphezu kwegolide, nakwengcwengiweyo.
Ngenxa yoko ndithi, Zonke iziyalezo zakho zithe tye ngezinto zonke;
Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile.
Ziyimisebenzi ebalulekileyo izingqiniso zakho,
Ngenxa yoko úzibambile umphefumlo wam.
Ukutyhila kwamazwi akho kuyakhanyisa,
Kuqondisa abazizidenge.
Ndakhamisa umlomo wam, ndakhefuza,
Ngokuba ndiyilangazelela imithetho yakho.
Ndíbheke, undibabale,
Ngokwesiko lakho kubathandi begama lakho.
Qinisa ukunyathela kwam ngentetho yakho,
Mabungabi nagunya kum ubutshinga, nabuphi na.
Ndíkhulule ekucudiseni komntu,
Ndizigcine iziyalezo zakho.
Khanyisa ubuso bakho kumkhonzi wakho,
Undifundise imimiselo yakho.
Ahla imijelo yamanzi amehlo am,
Ngenxa yokuba bengawugcini umyalelo wakho.
Ùlilungisa wena, Yehova,
Zithe tye izigwebo zakho.
Uzimisile izingqiniso zakho, zanobulungisa,
Zaba nokuthembeka kakhulu.
Ikhwele lam lindibhangisile,
Ngokuba abandibandezelayo bewalibele amazwi akho.
Ilizwi lakho linyibilikisiwe njengegolide kunene,
Umkhonzi wakho uyalithanda.
Ndimncinane, ndideliwe,
Noko andizilibali iziyalezo zakho.
Ubulungisa bakho bubulungisa obungunaphakade,
Umyalelo wakho uyinyaniso.
Imbandezelo nengcutheko indifumene,
Imithetho yakho iyandiyolisa.
Zinobulungisa ngonaphakade izingqiniso zakho,
Ndíqondise, ndiphile.
Ndikhala ngentliziyo yonke, ndíphendule;
Yehova, imimiselo yakho ndiya kuyibamba.
Ndikhala kuwe, ndísindise,
Ndigcìne izingqiniso zakho.
Ndakúphangela ukusa, ndazibika,
Ndalindela emazwini akho.
Amehlo am áphengela imilindo yasebusuku,
Ukuze ndicamngce ngentetho yakho.
Líve ilizwi lam ngokwenceba yakho,
Yehova, ndíphilise ngokwamasiko akho.
Bayasondela abaphuthuma amanyala,
Banyawuka emyalelweni wakho;
Ùsondele wena, Yehova,
Yonke imithetho yakho iyinyaniso.
Kudala ndisazi ngokwezingqiniso zakho,
Ukuba uzisekile ngonaphakade.
Khangela ukucinezeleka kwam, undihlangule,
Ngokuba ndingawulibali umyalelo wakho.
Bambana nobambene nam, undikhulule,
Ndíphilise ngokwelizwi lakho.
Lunyawukile kwabangendawo usindiso,
Ngokuba abayifuni imimiselo yakho.
Iimfesane zakho zininzi, Yehova;
Ndíphilise ngokwamasiko akho.
Baninzi abandisukelayo nabandibandezelayo;
Àndithi gu bucala ezingqinisweni zakho.
Ndababona abatshinizi, ndakruquka,
Abo bangàyigciniyo intetho yakho.
Bóna ukuthanda kwam iziyalezo zakho,
Yehova, ndíphilise ngokwenceba yakho.
Isimbuku selizwi lakho siyinyaniso iphela,
Zingunaphakade zonke izigwebo zobulungisa bakho.