Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Amaculo 119:121-160

Amaculo 119:121-160 XHO1902A

Ndenzile ubugwebo nobulungisa: zungandilahleli ebabandezelini bam. Yiba ngumbambiseli wesicaka sako ngako okulungileyo: abaner̔atshi mabangandibandezeli. Amehlo am ayapelela usindiso lwako, nelizwi lobulungisa bako. Yenzela isicaka sako njengokwobubele bako, undifundise imimiso yako. Ndisisicaka sako; ndiqondise, ndandiya kuzazi izinqi̔nelo zako. Selilixesha lokuba kusebenze UYEHOVA; ngokuba bewapule umteto wako. Ngako oko ndiyatanda imiyalelo yako pezu kwegolide; ewe, pezu kwegolide ecokisiweyo. Ngako oko zonke ingxelo zako ngento zonke ndivumele ukulunga kwazo: kodwa zonke indlela zobuxoki ndizitiyile. Izinqi̔nelo zako zingummangaliso; ngako oko umpefumlo wam uyazibamba. Ukutyila kwelizwi lako kuyakanyisa; kuyaqondisa izidenge. Ndavula umlomo wam, ndabefula; ngokuba ndibe ndilangazelela imiyalelo yako. Beka kum, undipate ngofefe, njengesiko kwabo batanda igama lako. Lungisa amanyatela am ngelizwi lako: makungabi nabukosi pezu kwam nanye inkohlakalo. Ndikulule ekubandezeleni kwabantu; ndandiya kugcina ingxelo zako. Ubuso bako bukanyise pezu kwesicaka sako, undifundise imimiso yako. Imijelo yamanzi iyehla emehlweni am, ngokuba bengagcini umteto wako. Ulungile wena, YEHOVA! yinto efanelekileyo nezigwebo zako. Izinqi̔nelo zako, ozixelileyo, zinobulungisa, zinenyaniso kakulu. Ubukwele bam bundigqibile, ngokuba intshaba zam zilibele amazwi ako. Ilizwi lako licocekile kanye; kukona isicaka sako silitandayo. Ndimncinane, ndideliwe; andilibali ingxelo zako noko. Ubulungisa bako bubulungisa obungunapakade, nomteto wako uyinyaniso. Ndihlelwe bubunzima noxinezeko: imiyalelo yako iluyolo lwam noko. Ubulungisa bezinqi̔nelo zako bungunapakade: ndiqondise, ndandiya kudla ubomi. Ndabiza ngentliziyo yonke; ndipendule, YEHOVA! ndiya kugcina imimiso yako. Ndabizela kuwe; ndisindise, ndandiya kugcina izinqi̔nelo zako. Ndapangela isifingo sokusa, ndadanduluka: ndatembela ezwini lako. Amehlo am ayapangela amavaṙasho asebusuku, ndize ndicinge ilizwi lako. Yiva ilizwi lam njengokwobubele bako: YEHOVA! ndipilise njengokwogwebo lwako. Basondele abo baputumayo ubumenemene: bakude nomteto wako. Ukufupi wena, YEHOVA! yonke imiyalelo yako iyinyaniso. Kwa kudala ndikwazile ngazo izinqi̔nelo zako ukuba uzimisile kude kube ngunapakade. Bona ubunzima bam, undihlangule: ngokuba ndingalibali umteto wako. Tetelela ityala lam, undikulule: ndipilise njengokwelizwi lako. Usindiso lukude nabakohlakeleyo; ngokuba bengafuni imimiso yako. Izibele zako zininzi, YEHOVA! ndipilise njengokwezigwebo zako. Baninzi abatshutshisi bam nentshaba zam: andishenxi ezinqi̔nelweni zako noko. Ndabona abo benza ngobuxoki, ndadela; ngokuba bengaligcinanga ilizwi lako. Bona ukuba ingxelo zako ndizitandile: ndipilise, YEHOVA! njengokwobubele bako. Ilizwi lako liyinyaniso lipela; zonke izigwebo zako ezilungileyo zingunapakade.