Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IMIZEKELISO 4:1-19

IMIZEKELISO 4:1-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Luveni, bonyana, uqeqesho lukayihlo, Nizibaze iindlebe ukuze nikwazi ukuqonda. Kuba ndininika imfundiso elungileyo; Musani ukuwushiya umyalelo wam. Kuba ndandingunyana kubawo, Ndíthambile, ndímnye phambi koma. Wandiyala ke, wathi kum, Intliziyo yakho mayiwabambe amazwi am; Gcina imithetho yam, uphile, Rhweba ubulumko, rhweba ingqondo; Musa ukulibala, ungàthi gu bucala entethweni yomlomo wam. Musa ukubushiya, bókugcina; Buthande, bókulondoloza. Ingqalo yobulumko ithi, Rhweba ubulumko, Ngako konke ukurhweba kwakho urhwebe ingqondo. Búnonelele, bokuphakamisa; Bokuzukisa, xa uthe wabuwola. Boyinika intloko yakho isangqawe esihle, Bokúpha isithsaba sokuhomba. Yiva, nyana wam, uyamkele intetho yam, Iba mininzi kuwe iminyaka yobomi. Ndikuyálele indlela yobulumko, Ndikunyathelisé emkhondweni wokuthe tye. Ekuhambeni kwakho akayi kuxinana amabanga akho; Nokuba uthe wagidima, akuyi kukhubeka. Bambelela eluqeqeshweni, musa ukuluyeka; Lulondoloze, ngokuba lububomi bakho. Musa ukungena emendweni wabangendawo, Unganyatheli endleleni yabanobubi. Yiyeke; musa ukuya kugqitha kuyo; Yicezele, ugqithe. Kuba àbalali, ukuba àbathanga benze ububi; Bemkelwa bubuthongo ukuba àbathanga bakhubekise abanye. Kuba badla isonka sokungendawo, Basele iwayini yogonyamelo. Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, Okuya kúbà mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu. Indlela yabangendawo injengesithokothoko; Àbayazi into abakhubeka kuyo.

IMIZEKELISO 4:1-19 IBHAYIBHILE (XHO96)

Yiphulaphuleni, bonyana, ingqeqesho kayihlo; yigqaleni, khon' ukuze nizuze ukuqonda. Ndininika eyona mfundiso iyiyo, ngoko ke musani ukuwutyeshela umyalelo wam. Ngokuya ndandiseyinkwenkwana katata, ndiselula, ndinguyedwa kamama, utata wayendiyala athi: “Wazikise engqondweni yakho amazwi am, ungayilibali imiyalelo yam; yigcine imithetho yam, uphile. Thabatha, nabu ubulumko, nantsi ingqiqo! Ungaze wahlukane okanye ushenxe kumazwi omlomo wam! Ungaze ubushiye ubulumko, ke bona buya kukulondoloza. Thandana nabo, khon' ukuze bukukhusele. Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise! Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako. Ewe, bunonelele ubulumko, ke bona buya kukuphakamisa; bukhwaphe, ke bona buya kukuthi jize ngesihomo. Boba njengentsimbi ehombisa intloko yakho, bukuthi jize ngesithsaba esingayiwayo.” Phulaphula, nyana wam, uwathathele ingqalelo amazwi am, uze udle ubomi iminyaka emininzi. Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko, ndakukhokelela endleleni ethe ngqo. Xa uhamba, ukunyathela kwakho akuyi kuphazanyiswa, ngokunjalo naxa ubaleka akuyi kukhubeka. Ungaze wahlukane nengqeqesho, koko bambelela kuyo; yilondoloze, kuba ibubomi bakho. Musa ukuhambisana nabantu abakhohlakeleyo, ungahambi nasekhondweni labenzi bobubi. Ewe, ndithi zicezele iindlela zabo, ungahambi ngazo. Shenxa kuzo, uhambe uzigqithe. Kaloku izikhohlakali azaneli kukulala zingenzanga nto imbi. Ewe, ziphuthelwa ubusuku bonke, zide zibe zenzakalise umntu. Kaloku inkohlakalo sisonka abasidlayo; ubundlobongela yiwayini abayiselayo. Ke yona indlela yamalungisa ifana nemitha yokusa, yona iya iqaqamba ngokuqaqamba de ibe yimini epheleleyo. Kambe ke zona iindlela zabakhohlakeleyo zingumnyam' ombonde-mbonde. Naxa bekhubeka abayazi into abakhubeka kuyo.

IMIZEKELISO 4:1-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

YIVANI, bonyanandini! ukululeka kwoyise, nipulapule ukukwazi ukuqonda. Ngokuba ndinipa imfundiso elungileyo; umteto wam ningawushiyi. Ngokuba ndibe ndingunyana kabawo, ndingotambileyo nowokupela ebusweni bukama̔. Waza wandifundisa, wati kum: Intliziyo yako mayibambe amazwi am; gcina imiyalelo yam, upile. Qweba ubulumko, qweba ukuqonda; ungalibali, ungapambuki nokupambuka kuzo iziteto zomlomo wam. Ungabushiyi, bokugcina ke; butande, bokulondoloza ke. Eyona nto inkulu bubulumko; qweba ubulumko: ewe, ngako konke ukuqweba kwako kuqwebe ukuqonda. Bumise pezulu ke, babuya kukupakamisa: bokwenzela udumo, xa ubusingatayo. Buya kunika intloko yako isitsaba sobuhle; ikrone yobungcwalisa boyinikela kuwe. Yiva, nyana wam! uzamkele iziteto zam; yaiya kuba mininzi kuwe iminyaka yobomi. Ndikufundisile endleleni yobulumko; ndikukokele emikondweni yokulunga. Ekuhambeni kwako, ukunyatela kwako akuyi kuxinwa; naxeshekweni ubalekayo, akuyi kuku̔beka. Bambelela kuyo imfundiso, ungayeki; yibambe ke, ngokuba ibubomi bako yona. Ungangeni emendweni wabakohlakeleyo, ungahambi nokuhamba endleleni yabangalungileyo. Yipepe, ungadluli ngayo; tyeka kuyo, ugqite ke. Ngokuba bengalali, nxa bangenzanga bubi; bayahlutwa ubutongo, nxa bangaku̔bekisanga mntu. Ngokuba besidla isonka sobuncwangu, besela iveyine sobudlwengu. Kodwa indlela yabalungileyo injengokukanya okukazimlayo, okumana kukanya kude kube semini efezekileyo. Indlela yabakohlakeleyo injengesitokotoko; abazi into abaya kuku̔beka pezu kwayo.