Yiphulaphuleni, bonyana, ingqeqesho kayihlo;
yigqaleni, khon' ukuze nizuze ukuqonda.
Ndininika eyona mfundiso iyiyo,
ngoko ke musani ukuwutyeshela umyalelo wam.
Ngokuya ndandiseyinkwenkwana katata,
ndiselula, ndinguyedwa kamama,
utata wayendiyala athi:
“Wazikise engqondweni yakho amazwi am,
ungayilibali imiyalelo yam;
yigcine imithetho yam, uphile.
Thabatha, nabu ubulumko, nantsi ingqiqo!
Ungaze wahlukane okanye ushenxe kumazwi omlomo wam!
Ungaze ubushiye ubulumko, ke bona buya kukulondoloza.
Thandana nabo, khon' ukuze bukukhusele.
Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!
Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.
Ewe, bunonelele ubulumko, ke bona buya kukuphakamisa;
bukhwaphe, ke bona buya kukuthi jize ngesihomo.
Boba njengentsimbi ehombisa intloko yakho,
bukuthi jize ngesithsaba esingayiwayo.”
Phulaphula, nyana wam, uwathathele ingqalelo amazwi am,
uze udle ubomi iminyaka emininzi.
Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,
ndakukhokelela endleleni ethe ngqo.
Xa uhamba, ukunyathela kwakho akuyi kuphazanyiswa,
ngokunjalo naxa ubaleka akuyi kukhubeka.
Ungaze wahlukane nengqeqesho, koko bambelela kuyo;
yilondoloze, kuba ibubomi bakho.
Musa ukuhambisana nabantu abakhohlakeleyo,
ungahambi nasekhondweni labenzi bobubi.
Ewe, ndithi zicezele iindlela zabo, ungahambi ngazo.
Shenxa kuzo, uhambe uzigqithe.
Kaloku izikhohlakali azaneli kukulala zingenzanga nto imbi.
Ewe, ziphuthelwa ubusuku bonke, zide zibe zenzakalise umntu.
Kaloku inkohlakalo sisonka abasidlayo;
ubundlobongela yiwayini abayiselayo.
Ke yona indlela yamalungisa ifana nemitha yokusa,
yona iya iqaqamba ngokuqaqamba de ibe yimini epheleleyo.
Kambe ke zona iindlela zabakhohlakeleyo zingumnyam' ombonde-mbonde.
Naxa bekhubeka abayazi into abakhubeka kuyo.