Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Imizekeliso 4:1-19

Imizekeliso 4:1-19 XHO1902A

YIVANI, bonyanandini! ukululeka kwoyise, nipulapule ukukwazi ukuqonda. Ngokuba ndinipa imfundiso elungileyo; umteto wam ningawushiyi. Ngokuba ndibe ndingunyana kabawo, ndingotambileyo nowokupela ebusweni bukama̔. Waza wandifundisa, wati kum: Intliziyo yako mayibambe amazwi am; gcina imiyalelo yam, upile. Qweba ubulumko, qweba ukuqonda; ungalibali, ungapambuki nokupambuka kuzo iziteto zomlomo wam. Ungabushiyi, bokugcina ke; butande, bokulondoloza ke. Eyona nto inkulu bubulumko; qweba ubulumko: ewe, ngako konke ukuqweba kwako kuqwebe ukuqonda. Bumise pezulu ke, babuya kukupakamisa: bokwenzela udumo, xa ubusingatayo. Buya kunika intloko yako isitsaba sobuhle; ikrone yobungcwalisa boyinikela kuwe. Yiva, nyana wam! uzamkele iziteto zam; yaiya kuba mininzi kuwe iminyaka yobomi. Ndikufundisile endleleni yobulumko; ndikukokele emikondweni yokulunga. Ekuhambeni kwako, ukunyatela kwako akuyi kuxinwa; naxeshekweni ubalekayo, akuyi kuku̔beka. Bambelela kuyo imfundiso, ungayeki; yibambe ke, ngokuba ibubomi bako yona. Ungangeni emendweni wabakohlakeleyo, ungahambi nokuhamba endleleni yabangalungileyo. Yipepe, ungadluli ngayo; tyeka kuyo, ugqite ke. Ngokuba bengalali, nxa bangenzanga bubi; bayahlutwa ubutongo, nxa bangaku̔bekisanga mntu. Ngokuba besidla isonka sobuncwangu, besela iveyine sobudlwengu. Kodwa indlela yabalungileyo injengokukanya okukazimlayo, okumana kukanya kude kube semini efezekileyo. Indlela yabakohlakeleyo injengesitokotoko; abazi into abaya kuku̔beka pezu kwayo.