IMIZEKELISO 30:1-10
IMIZEKELISO 30:1-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Amazwi ka-Agure unyana kaYake, asisiprofeto: Yathetha indoda leyo kuItiyeli, noItiyeli, noUkali, Kuba ndisisijorha, andiqondi; Andifundanga bulumko, Ukuba andimazi oyiNgcwele oyiNgcwele. Ngubani na owenyuka waya emazulwini okanye wehla? ngubani na owahlanganisa umoya ngamanqindi? Ngubani na osongele amanzi engutyeni? Ngubani na otywine zonke iziphelo zehlabathi? Lingubani na igama lakhe, lingubani na igama lonyana wakhe, ukuba uyalazi? Onke amazwi kaThixo anyulu, Ndiyingweletshetshe kwabazimela ngaye. Musa ukongeza emazwini akhe, Hleze wohlwaywe, ufunyanwe ulixoki. Ndafuna kuwe izinto ezimbini; musani ukukhanyela kum, andikafi; Shenxisa kum inkohlakalo nenkohliso; musa ukundinika ubutyebi, nokuba bububutyebi; ndidlise ukudla okundigcina ndiphaphile; Hleze ndihluthe, ndikhanyele, ndithi, Ngubani na uYehova? ukuze ndingabi lihlwempu, ndibe, ndifumane igama loThixo wam. Musa ukusigwebela isicaka enkosini yaso, Hleze usitshabhise, ube netyala.
IMIZEKELISO 30:1-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Amazwi ka-Agure unyana kaYakhe, waseMasa. Itsho indoda leyo, ithi, Ndizidinisile, ndizidinisile ndaphela, Kuba ndisisityhakala, andimntu; Ingqondo yomntu ayikho kum. Andifundanga bulumko, Ukuba ndazi ukwaziwa koyiNgcwele. Ngubani na owenyuka waya emazulwini, waza wehla? Ngubani na ofumbethe umoya ngezandla zakhe? Ngubani na obophe amanzi engutyeni? Ngubani na omise zonke iziphelo zehlabathi? Lingubani na igama lakhe, lingubani na igama lonyana wakhe, ukuba ùyalazi? Yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe. Uyingweletshetshe kwabazimela ngaye. Musa ukongeza emazwini akhe, Hleze akohlwaye, ube ngothetha amanga. Ndicelé kuwe izinto ezimbini; Musa ukundivimba zona ndingekafi: Khwelelisa kum inkohlakalo nelizwi lamanga; Musa ukundinika ubuhlwempu nobutyebi; Ndihlafunise isonka endisimiselweyo; Hleze ndihluthe, ndikhanyele, ndithi, Ngubani na uYehova? Hleze ndihlwempuzeke, ndibe, Ndilicukuceze igama likaThixo wam. Musa ukusihleba isicaka enkosini yaso, Hleze sikutshabhise, uthwale ityala.
IMIZEKELISO 30:1-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nanga amazwi ka-Agure unyana kaYake, udaba olundilisekileyo. Yasuka yadanduluka indoda leyo, yathi kuItiyeli, ewe, uItiyeli noUkali: “Kaloku ndisesona sidenge ebantwini; kwaye ingqondo yomntu ayikho kum. Zange ndabufunda ubulumko; andimazi lowo uyiNgcwele kanye. Kanti ke, ngubani oselekhe waya ezulwini wabuya wehla; ingubani owakha wawubamba ngezakhe izanda umoya? Khona, ngubani owakha wabamba amanzi wawaqhinela ngesondo lengubo yakhe; ingubani khona owamisa imida yehlabathi? Khawutsho kaloku, ukuba unolwazi! Ngubani igama lakhe; ingubani unyana wakhe? “Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile; ulikhaka kwabazimela ngaye. Musa ukongeza kwintetho yakhe, hleze akukhalimele, budandalaze ubuxoki bakho.” Awu, Bawo, zimbini nje qha izinto endizicelayo kuwe; ewe, ndiphe zona ndingekafi! Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka; mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke, nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla, hleze ndikukhanyele ndakuhlutha, ndisuke ndithi: “Kuxa engubani yena *uNdikhoyo?” Ukanti ke naxa ndihlwempuzekile ndingasuka ndibe, ndihlazise igama likaThixo wam. Isicaka sukusigxeka enkosini yaso, hleze sikushwabulele ube nobutyala.
IMIZEKELISO 30:1-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Amazwi ka-Agure unyana kaYake, asisiprofeto: Yathetha indoda leyo kuItiyeli, noItiyeli, noUkali, Kuba ndisisijorha, andiqondi; Andifundanga bulumko, Ukuba andimazi oyiNgcwele oyiNgcwele. Ngubani na owenyuka waya emazulwini okanye wehla? ngubani na owahlanganisa umoya ngamanqindi? Ngubani na osongele amanzi engutyeni? Ngubani na otywine zonke iziphelo zehlabathi? Lingubani na igama lakhe, lingubani na igama lonyana wakhe, ukuba uyalazi? Onke amazwi kaThixo anyulu, Ndiyingweletshetshe kwabazimela ngaye. Musa ukongeza emazwini akhe, Hleze wohlwaywe, ufunyanwe ulixoki. Ndafuna kuwe izinto ezimbini; musani ukukhanyela kum, andikafi; Shenxisa kum inkohlakalo nenkohliso; musa ukundinika ubutyebi, nokuba bububutyebi; ndidlise ukudla okundigcina ndiphaphile; Hleze ndihluthe, ndikhanyele, ndithi, Ngubani na uYehova? ukuze ndingabi lihlwempu, ndibe, ndifumane igama loThixo wam. Musa ukusigwebela isicaka enkosini yaso, Hleze usitshabhise, ube netyala.
IMIZEKELISO 30:1-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
AMAZWI ka‐Agure unyana ka‐Yake; isiprofitesho. Yateta indoda leyo ku‐Yitiyeli, ku‐Yitiyeli no‐Yukali. Ngenyaniso ndidolile mna pezu kwabantu bonke; andinako ukuqonda kwomntu. Ndabendingafundi ubulumko; nokwaziwa kwoyingcwele andikwazi. Ngubanina onyukeleyo ezulwini, nohlileyo kona? Ngubanina owubutileyo umoya ezandleni zake? Ngubanina obopileyo amanzi engutyeni? Ngubanina oqinisileyo onke amancam omhlaba? Ngubanina igama lake, ngubanina negama lonyana wake, ukuba uyalazi? Onke amazwi KATIXO acocekile; ulikaka yena kubo bonke abamtembayo. Musa ukwongeza kuwo amazwi ake, hleze akwohlwaye, uze ube lixoki. Zimbini izinto endizicelileyo kuwe; ungazibandezi kum ndingekafi: Kwelelisa kude kum ubuxoki nolwimi; ungandipi nobuhlwempu nobutyebi; undifunzele ngokudla okundilungeleyo; hleze ndibe ndihluti, ndize ndikukanyele, nditi: Ungubanina UYEHOVA? okanye hleze ndibe lihlwempu, ndize ndibe̔, ndilipate kakubi igama LOTIXO wam. Ungancetezi isicaka enkosini yaso, hleze sikuqalekise, uze ube netyala.