AMAZWI ka‐Agure unyana ka‐Yake; isiprofitesho. Yateta indoda leyo ku‐Yitiyeli, ku‐Yitiyeli no‐Yukali. Ngenyaniso ndidolile mna pezu kwabantu bonke; andinako ukuqonda kwomntu. Ndabendingafundi ubulumko; nokwaziwa kwoyingcwele andikwazi. Ngubanina onyukeleyo ezulwini, nohlileyo kona? Ngubanina owubutileyo umoya ezandleni zake? Ngubanina obopileyo amanzi engutyeni? Ngubanina oqinisileyo onke amancam omhlaba? Ngubanina igama lake, ngubanina negama lonyana wake, ukuba uyalazi? Onke amazwi KATIXO acocekile; ulikaka yena kubo bonke abamtembayo. Musa ukwongeza kuwo amazwi ake, hleze akwohlwaye, uze ube lixoki. Zimbini izinto endizicelileyo kuwe; ungazibandezi kum ndingekafi: Kwelelisa kude kum ubuxoki nolwimi; ungandipi nobuhlwempu nobutyebi; undifunzele ngokudla okundilungeleyo; hleze ndibe ndihluti, ndize ndikukanyele, nditi: Ungubanina UYEHOVA? okanye hleze ndibe lihlwempu, ndize ndibe̔, ndilipate kakubi igama LOTIXO wam. Ungancetezi isicaka enkosini yaso, hleze sikuqalekise, uze ube netyala.
Funda Imizekeliso 30
Share
Compare All Versions: Imizekeliso 30:1-10
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos