Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZAFOBE 30:1-10

IZAFOBE 30:1-10 XHO96

Nanga amazwi ka-Agure unyana kaYake, udaba olundilisekileyo. Yasuka yadanduluka indoda leyo, yathi kuItiyeli, ewe, uItiyeli noUkali: “Kaloku ndisesona sidenge ebantwini; kwaye ingqondo yomntu ayikho kum. Zange ndabufunda ubulumko; andimazi lowo uyiNgcwele kanye. Kanti ke, ngubani oselekhe waya ezulwini wabuya wehla; ingubani owakha wawubamba ngezakhe izanda umoya? Khona, ngubani owakha wabamba amanzi wawaqhinela ngesondo lengubo yakhe; ingubani khona owamisa imida yehlabathi? Khawutsho kaloku, ukuba unolwazi! Ngubani igama lakhe; ingubani unyana wakhe? “Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile; ulikhaka kwabazimela ngaye. Musa ukongeza kwintetho yakhe, hleze akukhalimele, budandalaze ubuxoki bakho.” Awu, Bawo, zimbini nje qha izinto endizicelayo kuwe; ewe, ndiphe zona ndingekafi! Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka; mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke, nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla, hleze ndikukhanyele ndakuhlutha, ndisuke ndithi: “Kuxa engubani yena *uNdikhoyo?” Ukanti ke naxa ndihlwempuzekile ndingasuka ndibe, ndihlazise igama likaThixo wam. Isicaka sukusigxeka enkosini yaso, hleze sikushwabulele ube nobutyala.