Amazwi ka-Agure unyana kaYakhe, waseMasa. Itsho indoda leyo, ithi, Ndizidinisile, ndizidinisile ndaphela, Kuba ndisisityhakala, andimntu; Ingqondo yomntu ayikho kum. Andifundanga bulumko, Ukuba ndazi ukwaziwa koyiNgcwele. Ngubani na owenyuka waya emazulwini, waza wehla? Ngubani na ofumbethe umoya ngezandla zakhe? Ngubani na obophe amanzi engutyeni? Ngubani na omise zonke iziphelo zehlabathi? Lingubani na igama lakhe, lingubani na igama lonyana wakhe, ukuba ùyalazi? Yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe. Uyingweletshetshe kwabazimela ngaye. Musa ukongeza emazwini akhe, Hleze akohlwaye, ube ngothetha amanga. Ndicelé kuwe izinto ezimbini; Musa ukundivimba zona ndingekafi: Khwelelisa kum inkohlakalo nelizwi lamanga; Musa ukundinika ubuhlwempu nobutyebi; Ndihlafunise isonka endisimiselweyo; Hleze ndihluthe, ndikhanyele, ndithi, Ngubani na uYehova? Hleze ndihlwempuzeke, ndibe, Ndilicukuceze igama likaThixo wam. Musa ukusihleba isicaka enkosini yaso, Hleze sikutshabhise, uthwale ityala.
Funda IMIZEKELISO 30
Share
Compare All Versions: IMIZEKELISO 30:1-10
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos