KWABASEFILIPI 1:9-10
KWABASEFILIPI 1:9-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nako oku ndiya kuthandazela, ukuba uthando lwenu lube kukhona luphuphuma ngokuphuphuma ukwazi okukhulu, nako konke ukuqonda, ukuze nizicikide izinto eziziincamisa, ukuze nibe nokusulungeka, ningabi nasiwo, nide nise kwimini kaKristu
KWABASEFILIPI 1:9-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Umthandazo wam kukuba ze niye nikhula ngokukhula eluthandweni naselwazini oluphangaleleyo, nibe nombono onzulu, ukuze nibe nokukwazi ukuzicalu-calula izinto. Xa kunjalo ke iMini kaKrestu yofika ningenasiphako, nimsulwa
KWABASEFILIPI 1:9-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndithandazela ke oku, ukuba uthando lwenu luphuphume ngakumbi nangakumbi ekwazini nasekucingeni konke, ukuze nizicikide izinto eziziincamisa; ukuze nibe msulwa, ningabi nasiphako, ide ibe yiloo mini kaKristu
KWABASEFILIPI 1:9-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanjalo oku ndiyakutandazela, ukuba utando lwenu lukolise ukwanda ngento enkulu kakulu ngakumbi ekwazini nakuko konke ukuva, ukuze niziqiqe izinto ezigqitiseleyo, ukuba nibe ningcwengekile ningenatyala kude kube semhleni ka‐Kristu