Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 1

1
ISAHLUKO I.
1UPAULUSI no‐Timote, izicaka zika‐Yesu Kristu, kubo bonke abangcwele ku‐Kristu Yesu abase‐Filipi, kunye nabalindi nabakonzi: 2Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
3Ndiyabulela kutixo wam pezu kwako konke ukunikumbula kwam, 4ndisenza ukukunga kwam ngovuyo, ngamaxesha onke, kuzo zonke izikungo zam ngenxa yenu nonke, 5pezu kwobudlelana benu ngakuyo ivangeli kuselokwomhla wokuqala kwada kwakaloku nje; 6ndinokutemba kwa yona lento, ukuba lowo uqalileyo kuni umsebenzi olungileyo, uya kuwufeza kude kube ngumhla ka‐Yesu Kristu; 7kwa njengokuba kufanelekile kum ukuba ndikumbule oku ngani nonke, ngenxa yokuba ndinani entliziyweni yam; nina nonke nje, nasekubanjweni kwam, nakuko ukutetelela nokuqinisa ivangeli, ningababelwa kolwam ufefe kunye nam. 8Ngokuba utixo elinqi̔na lam, ukuba nditi nina ukunilangazelela nonke embilini ka‐Yesu Kristu. 9Kanjalo oku ndiyakutandazela, ukuba utando lwenu lukolise ukwanda ngento enkulu kakulu ngakumbi ekwazini nakuko konke ukuva, 10ukuze niziqiqe izinto ezigqitiseleyo, ukuba nibe ningcwengekile ningenatyala kude kube semhleni ka‐Kristu; 11nizalisiwe ziziqa̔mo zobulungisa, ezingaye u‐Yesu Kristu, kube kukudunyiswa nokubongwa kukatixo.
12Kekaloku ndifuna ukunga ningazi, bazalwana! ukuba indawo zam zihlele ukuhanjiswa kwevangeli ngapezu kwokutintelwa kwayo; 13ide yati imibambo yam yaba ibonakala ku‐Kristu kuyo yonke ilali yomkosi wakomkulu, nakubo bonke abanye; 14nokuba into eninzi yabo abazalwana, bezuza itemba enkosini ngemibambo yam, bayakalipa kakulu ngakumbi ukuliteta ilizwi bengenakwoyika. 15Inxenye okunene iyashumayela u‐Kristu ngenxa yomona nepike, nenxenye kanjalo ngenxa yenkolelo: 16abanye ke bayashumayela u‐Kristu ngenkani, bengenzi ngendawo engcwengileyo, beba baya kwongezelela ubunzima emibanjweni yam; 17kodwa abanye bayamshumayela ngotando, besazi ukuba ndimiselwe ukutetelela ivangeli. 18Yinto nina pofu? noko ngendawo zonke, nokuba kungokuzenzisa, nokuba kungenyaniso, u‐Kristu uyashunyayelwa; nakuko oku ndiyavuya, ewe, ndoman’ ukuvuya kanjalo. 19Ngokuba ndisazi ukuba oku kwoba yinzuziso yosindiswa lwam, ngako ukukunga kwenu nokwonga kwomoya ka‐Yesu Kristu, 20njengokwokulangazelela nokutemba kwam, ukuba andiyi kudaniswa nganto, koko ukuba ngokukalipa konke, njengasemaxesheni onke, kwa njalo nakaloku, u‐Kristu uya kuzukiswa emzimbeni wam, nokuba kungokudliwa kwobomi, nokuba kungokufa.
21Ngokuba kum ukudla ubomi kungu‐Kristu, nokufa kuyinzuzo. 22Kodwa ukuba ukudla ubomi enyameni, ukuba oku kusisiqa̔mo somsebenzi wam, sendingazi ke ukuba ndiya kuqasha nto nina. 23Ngokuba ndixingiswa zezizinto zombini, ndinayo inkanuko yokunduluka, nokubako no‐Kristu; ngokuba oko kugqitisile kakulu ngokulunga. 24Kodwa ukuhlala enyameni kuyafuneka ngakumbi ngenxa yenu. 25Kanjalo ndinokutemba oku nje, ndiyazi ukuba ndiya kuhlala ndilibale apa kunye nani nonke kube kukuhanjiswa kwenu nokuvuya elukolweni, 26ukuze uqa̔yiselo lwenu lukolise ukwanda ku‐Yesu Kristu kum, ngako ukubako kwam kuni kanjako.
27Kupela ke, ukuzipata kwenu makube kokufanele ivangeli ka‐Kristu; uknze nditi, nokuba ndiyeza ndinibone, nokuba ndihlala ndingeko, ndikuve okwenu, ukuba nimi emoyeni mnye, nizamela ukolo lwevangeli kwa kunye ngentliziyo nye, 28ningenakwetuswa nganto ngabalane benu: okuti oko kubo kusisiboniso sentshabalalo, kodwa kuni kusesosindiswa, kunje nje kuvela kutixo: 29ngokokuba kwapiwa nina ukuti ngenxa ka‐Kristu, kungabi kukuba nikolwe kuye kodwa, kukuba niti kanjako ngenxa yake nive intlungu: 30ninako okona ukulwa nje enakubonayo okunjalo kum, nenivayo kaloku ukuba kukum.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena