UMARKO 5:21-43
UMARKO 5:21-43 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho. Kubonakele kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; athi akumbona, awe ezinyaweni zakhe, ambongoze kunene, esithi, Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila. Wesuka wahamba naye; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile. Intokazi ethile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini, eyayive ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, eyayidleke konke ebinako, ingasizakali lutho, imana ukuba mandundu: yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe; kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa. Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho. UYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam? Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na ondichukumisileyo? Wasingasinga, ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto. Ithe ke intokazi leyo, isoyika, igubha, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi kuye, yamxelela inyaniso yonke. Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba unoxolo, phila kweso sibetho sakho. Kuthi esathetha yena, kufike abakulomphathi wendlu yesikhungu, besithi, Intombi yakho ifile; usamkhathazelani na uMfundisi? Aze kwaoko uYesu, elivile elo zwi lithethwa, athi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kodwa wena. Akavumela mntu ukuba alandelane naye, kwakuphela nguPetros noYakobi noYohane, umzalwana kaYakobi. Afike endlwini yomphathi wendlu yesikhungu, abone isiphithiphithi, abalilayo nabenza isijwili esikhulu. Akungena uthi kubo, Yini na ukuba niphithizele nilile? Akafile umntwana, ulele. Basuka bamwa ngentsini. Athi akubakhupha bona bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana. Ambambe ngesandla umntwana, athi kuye, Talita, kumi; oko kukuthi, ngentetho evakalayo, Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka! Yavuka kwaoko intombazana leyo, yahambahamba; kuba ibiminyaka ilishumi elinamibini izelwe. Bathi nqa ngokuthi nqa okukhulu. Wabayala kakhulu ukuba kungàziwa mntu oku; watsho nokuthi, mayiphiwe idle.
UMARKO 5:21-43 IBHAYIBHILE (XHO96)
Akuba uYesu ebuye wawela uLwandle lwaseGalili ngesikhitshana, kwahlanganisana ngaselwandle apho isihlwele esikhulu. Kwathi ke kwafika igosa lendlu yesikhungo, eligama linguJayiro, elathi lakumbona, lakhahlela, laza lambongoza, lisithi: “Intombi yam isindekile. Khawuze ubeke izandla zakho phezu kwayo, ukuze ichache, iphile.” UYesu ke wahamba nalo, ephahlwe yindimbane enkulu eyayimxinile. Kwakukho nomfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini esifa, ephatheke kabuhlungu kumagqirha amaninzi. Wayedleke konke awayenako, engancedakali, kodwa eya egula ngakumbi. Evile ke ngoYesu, wasondela kuye ngasemva esesihlweleni apho, wayichukumisa ingubo yakhe; kuba wayesithi: “Ukuba ndithe ndachukumisa nokuba yingubo yakhe le, ndophila.” Lanqamka kwangoko igazi, waziva emzimbeni wakhe ukuba uphilile kweso sifo. Ngoko nangoko uYesu waqonda ukuba kukho amandla aphumileyo kuye, wabheka ngasemva esendimbaneni apho, wathi: “Ngubani lo uchukumise ingubo yam?” Abafundi bakhe bathi kuye: “Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, ungáthini ke ukuthi: ‘Ngubani lo undichukumisileyo?’ ” Noko yena wasinga-singa ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto. Uthe ke umfazi lowo, ekuqondile okwenzeke kuye, weza esoyika, engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, wamxelela inyaniso yonke. UYesu wathi kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uphile kweso sifo sakho.” Kwathi uYesu esathetha, kwafika abakulogosa lendlu yesikhungo, besithi: “Intombi yakho ibhubhile; usamkhathazelani na uMfundisi?” UYesu yena, eyivile loo nto, wathi kwigosa lendlu yesikhungo: “Musa ukoyika; kuphela kholwa wena.” Ke akavumela mntu ukuba ahambe naye, ngaphandle koPetros noYakobi noYohane, umninawe kaYakobi. Bafika ke emzini wegosa lendlu yesikhungo, waza uYesu wasibona isiphithi-phithi sabalilayo nabenza isijwili esikhulu. Akungena, wathi kubo: “Yini na ukuba nenjenje ukuphithizela nokulila? Akafanga umntwana; ulele.” Basuka bamwa ngentsini. Wabakhuphela phandle ke bonke, wathatha uyise womntwana nonina, nâbo bafundi babenaye, wangena apho wayekhona umntwana. UYesu ke wambamba ngesandla umntwana, wathi kuye: “Talita, kum;” oko kukuthi: “Ntombazana, vuka!” Yavuka kwangoko intombazana leyo, yahamba-hamba. (Yayineminyaka elishumi elinambini izelwe.) Bamangaliswa abantu, bakhwankqiswa. UYesu wabayala kakhulu ukuba bangaxeleli mntu, waza wathi mayinikwe into etyiwayo intombazana leyo.
UMARKO 5:21-43 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwathi, akubon’ ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho. Kwabonakala kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; Uthe ke akumbona, wawa ezinyaweni zakhe. Wambongoza kakhulu, esithi, Intombi yam igulela ukufa; khawuze ubeke izandla phezu kwayo, ukuze iphile; yophila ke. Wahamba naye uYesu; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile. Kwaye kukho ntokazi ithile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini. Wayeve ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, edleke konke abenako, engancedi lutho, esuke wahambela phambili ebubini: yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe; kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa. Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho. uYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam? Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na lo undichukumisileyo? Wasingasinga, ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto. Ithe ke intokazi leyo, isoyika, ingcangcazela, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi phambi kwakhe, yamxelela inyaniso yonke. Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo, phila kwisibetho sakho. Kwathi, esathetha, kwafika amadoda evela kwamphathi wendlu yesikhungu, athi, Ifile intombi yakho; usamkhathazelani na uMfundisi? Kwangoko uYesu, elivile elo zwi lithethwayo, wathi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kuphela. Akavumela mntu ukuba alandelane naye, kwakuphela nguPetros noYakobi noYohane, umzalwana kaYakobi. Afike endlwini yomphathi wendlu yesikhungu, abone isiphithiphithi, abalilayo nabenza isijwili esikhulu. Akungena athi kubo, Yini na ukuba niphithizele, nilile? Intombazana ayifile, ilele. Basuka bamwa ngentsini. Athi akuba ebakhuphele phandle bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana lowo. Wayibamba ngesandla intombazana leyo, wathi kuyo, Talita, kumi; oko kukuthi ngentetho evakalayo, Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka. Yavuka kwaoko intombazana leyo, yahambahamba; kuba ibiminyaka ilishumi elinamibini izelwe. Bathi nqa ngokuthi nqa okukhulu. Wabayala kakhulu ukuba kungaziwa mntu oku; wathi mayiyinikwe idle.
UMARKO 5:21-43 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU akuti u‐Yesu wabuya wawela ngenqanawa waya ecaleni elingapesheya, sabutela kuye isihlwele esikulu: wayengaselwandle ke. Kwaza, bona ke, kwafika omnye wabapati bendlu yentlanganiso, ogama lalingu‐Yahire, owati akumbona, wawa ngasezinyaweni zake, wambongoza kakulu, esiti: Intombazana yam ipants’ ukufa; Nditandaza ukuba uze ubeke izandla zako pezu kwayo, ukuze ipiliswe, yaiya kupila. Wasuka waya naye; saza samlandela isihlwele esikulu, samxinezela. Kekaloku umfazi otile obenegqita legazi iminyaka yalishumi linamibini, obevile nezinto ezininzi ngamagqir̔a, waci̔ta konke abenako, engancedwanga luto noko, kodwa waba mandundu ngakumbi; wati akuva ngaye u‐Yesu, weza pakati kwesihlwele ngasemva, wayicu̔kumisa ingubo yake: ngokuba ebesiti: Ukuba ndika ndicu̔kumise ingubo zake zodwa, ndiya kupiliswa. Wasuka watsha kwa oko umtombo wegazi lake, wazazela ngomzimba wake ukuba upilisiwe kwesosibulawa. Waselesiti u‐Yesu, enakene pakati kwake ukuba amandla apumile kuye, wajikela ngasesihlweleni, wati: Ngubanina owacu̔kumisa ingubo zam? Baza abadisipile bake bati kuye: Ubona isihlwele sikuxinezela nje, uti ke na: Ngubanina owandicu̔kumisayo? Waza wasingasinga ukuba abone lowo uyenzileyo lento. Wati kekaloku umfazi lowo enokwoyika nokungcangcazela, ekwazi nje oko kwenzekileyo kuye, weza wawa pantsi pambi kwake, wamxelela yonke inyaniso. Wayesiti kuye: Ntombi! ukolo lwako lukupilisile; hamba ngoxolo, ube upilile kwesosibulawa sako. Nxa abesateta, kwafika abakokwabo umpati wendlu yentlanganiso, besiti: Intombi yako ifile; yinina ukuba usamkataza umfundisi? Kuloko u‐Yesu, elivile nje elozwi libe litetwa, waselesiti kumpati wendlu yentlanganiso: Ungoyiki; kolwa kodwa. Akavumela mntu ukuba ampeleke, kupela u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane umninawe ka‐Yakobi. Waza wafika endlwini yompati wentlanganiso, wabona isipitipiti, nabo ababelila nababesenza isijwili esikulu. Wayengena wati kubo: Yinina lento ningxola nilila nokulila? umntwana akafile, ulele butongo. Basuka bamhleka. Kuloko wati, akuba ebaku̔pile bonke, watabata naye uyise womntwana, nonina, nabo abebenaye, wangena apo alele kona umntwana. Waza wabamba isandla somntwana, wati kuye: Talita, kumi! okukuti ngokukunyushwa: Ntombazana, nditi kuwe, vuka! Yaselisuka ke intombazana leyo, yahamba; ngokuba ibilishumi elinesibini iminyaka yayo. Bamangaliswa ke ngokumangaliswa okukulu. Waza wabayala kakulu, ukuba makungaziwa mntu oku; wati kanjalo waxela ukaba inikwe ukudla.