Kwathi, akubon’ ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho. Kwabonakala kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; Uthe ke akumbona, wawa ezinyaweni zakhe. Wambongoza kakhulu, esithi, Intombi yam igulela ukufa; khawuze ubeke izandla phezu kwayo, ukuze iphile; yophila ke. Wahamba naye uYesu; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile. Kwaye kukho ntokazi ithile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini. Wayeve ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, edleke konke abenako, engancedi lutho, esuke wahambela phambili ebubini: yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe; kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa. Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho. uYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam? Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na lo undichukumisileyo? Wasingasinga, ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto. Ithe ke intokazi leyo, isoyika, ingcangcazela, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi phambi kwakhe, yamxelela inyaniso yonke. Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo, phila kwisibetho sakho. Kwathi, esathetha, kwafika amadoda evela kwamphathi wendlu yesikhungu, athi, Ifile intombi yakho; usamkhathazelani na uMfundisi? Kwangoko uYesu, elivile elo zwi lithethwayo, wathi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kuphela. Akavumela mntu ukuba alandelane naye, kwakuphela nguPetros noYakobi noYohane, umzalwana kaYakobi. Afike endlwini yomphathi wendlu yesikhungu, abone isiphithiphithi, abalilayo nabenza isijwili esikhulu. Akungena athi kubo, Yini na ukuba niphithizele, nilile? Intombazana ayifile, ilele. Basuka bamwa ngentsini. Athi akuba ebakhuphele phandle bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana lowo. Wayibamba ngesandla intombazana leyo, wathi kuyo, Talita, kumi; oko kukuthi ngentetho evakalayo, Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka. Yavuka kwaoko intombazana leyo, yahambahamba; kuba ibiminyaka ilishumi elinamibini izelwe. Bathi nqa ngokuthi nqa okukhulu. Wabayala kakhulu ukuba kungaziwa mntu oku; wathi mayiyinikwe idle.