KEKALOKU akuti u‐Yesu wabuya wawela ngenqanawa waya ecaleni elingapesheya, sabutela kuye isihlwele esikulu: wayengaselwandle ke.
Kwaza, bona ke, kwafika omnye wabapati bendlu yentlanganiso, ogama lalingu‐Yahire, owati akumbona, wawa ngasezinyaweni zake, wambongoza kakulu, esiti: Intombazana yam ipants’ ukufa; Nditandaza ukuba uze ubeke izandla zako pezu kwayo, ukuze ipiliswe, yaiya kupila. Wasuka waya naye; saza samlandela isihlwele esikulu, samxinezela.
Kekaloku umfazi otile obenegqita legazi iminyaka yalishumi linamibini, obevile nezinto ezininzi ngamagqir̔a, waci̔ta konke abenako, engancedwanga luto noko, kodwa waba mandundu ngakumbi; wati akuva ngaye u‐Yesu, weza pakati kwesihlwele ngasemva, wayicu̔kumisa ingubo yake: ngokuba ebesiti: Ukuba ndika ndicu̔kumise ingubo zake zodwa, ndiya kupiliswa. Wasuka watsha kwa oko umtombo wegazi lake, wazazela ngomzimba wake ukuba upilisiwe kwesosibulawa. Waselesiti u‐Yesu, enakene pakati kwake ukuba amandla apumile kuye, wajikela ngasesihlweleni, wati: Ngubanina owacu̔kumisa ingubo zam? Baza abadisipile bake bati kuye: Ubona isihlwele sikuxinezela nje, uti ke na: Ngubanina owandicu̔kumisayo? Waza wasingasinga ukuba abone lowo uyenzileyo lento. Wati kekaloku umfazi lowo enokwoyika nokungcangcazela, ekwazi nje oko kwenzekileyo kuye, weza wawa pantsi pambi kwake, wamxelela yonke inyaniso. Wayesiti kuye: Ntombi! ukolo lwako lukupilisile; hamba ngoxolo, ube upilile kwesosibulawa sako.
Nxa abesateta, kwafika abakokwabo umpati wendlu yentlanganiso, besiti: Intombi yako ifile; yinina ukuba usamkataza umfundisi? Kuloko u‐Yesu, elivile nje elozwi libe litetwa, waselesiti kumpati wendlu yentlanganiso: Ungoyiki; kolwa kodwa. Akavumela mntu ukuba ampeleke, kupela u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane umninawe ka‐Yakobi. Waza wafika endlwini yompati wentlanganiso, wabona isipitipiti, nabo ababelila nababesenza isijwili esikulu. Wayengena wati kubo: Yinina lento ningxola nilila nokulila? umntwana akafile, ulele butongo. Basuka bamhleka. Kuloko wati, akuba ebaku̔pile bonke, watabata naye uyise womntwana, nonina, nabo abebenaye, wangena apo alele kona umntwana. Waza wabamba isandla somntwana, wati kuye: Talita, kumi! okukuti ngokukunyushwa: Ntombazana, nditi kuwe, vuka! Yaselisuka ke intombazana leyo, yahamba; ngokuba ibilishumi elinesibini iminyaka yayo. Bamangaliswa ke ngokumangaliswa okukulu. Waza wabayala kakulu, ukuba makungaziwa mntu oku; wati kanjalo waxela ukaba inikwe ukudla.