UMARKO 2:13-28
UMARKO 2:13-28 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wabuya waphuma waya ngaselwandle, saye sonke isihlwele sisiza kuye; wayebafundisa. Wathi edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu; athi kuye, Ndilandele. Wesuka wamlandela. Kwathi ekuhlaleni kwakhe ngasesithebeni endlwini yakhe, kwahlala nento eninzi yababuthi berhafu naboni ndawonye noYesu nabafundi bakhe; kuba babebaninzi, baye ke bemlandela. Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe. Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni? Ekuvile ke oko uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo lifuneka kwabafayo. Andizé kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni, ukuba baguquke. Baye abafundi bakaYohane nababaFarisi bezila ukudla; beze bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane nababaFarisi bazile ukudla, kanti ke abakho abafundi abakuzili bona? Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukuzila ukudla, xa anabo umyeni? Lo gama wonke asekubo umyeni, abanako ukuzila ukudla. Ke kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni; baya kwandula ke ukuzila ngaloo mihla. Akukho uthungela isiziba somchako omtsha engutyeni endala; okanye ke eso sifakiweyo, sitsha, sokrazula kuyo endala, sibe sibi ngokunye isikroba. Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha imelwe kukuthiwa ezintsubeni ezintsha. Kwathi ehamba ecanda emasimini ngesabatha, baqala abafundi bakhe ukuhamba besikha izikhwebu. Baye besithi kuye abaFarisi, Khangela, yini na ukuba benze ngemini yesabatha oko kungavumelekileyo? Wathi yena kubo, Anizanga niyilese na into awayenzayo uDavide, oko wayeswele, elambile nokulamba, yena nabo babenaye? Okokuba wangena endlwini kaThixo ngexesha lika-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazidla izonka ezibekwe phambi koThixo, ezo kungavumelekileyo ukuba zidliwe ngabo bangebabingeleli, wanika nabo babenaye? Wayesithi kubo, Isabatha le yabakho ngenxa yomntu, asingumntu owabakhoyo ngenxa yesabatha. Ngoko ke uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.

UMARKO 2:13-28 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu wabuya waphuma waya ngaselwandle. Kwaza ke kwahlanganisana isihlwele ngakuye, wasifundisa. Wathi edlula wabona uLevi, unyana ka-Alifeyu, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.” Waphakama ke, wamlandela. Kwathi, xa wayesitya kwaLevi, kwakho nento eninzi yabaqokeleli-rhafu *naboni, isitya ndawonye noYesu nabafundi bakhe, kuba babebaninzi, bemlandela. Ke abachazi-mthetho beqela *labaFarasi, bakumbona esitya kunye nabaqokeleli-rhafu naboni, bathi kubafundi bakhe: “Yini na ukuba atye kunye nabaqokeleli-rhafu naboni?” Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Andizanga kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni.” Abafundi bakaYohane *nabaFarasi babezila ukutya. Ke abantu beza kuYesu, bathi kuye: “Kutheni abafundi bakaYohane nababaFarasi besoloko bezila ukutya nje, kanti bona abakho abazili?” UYesu ke wathi kubo: “Ngaba abakhaphi bomyeni bangakuzila na ukutya lo gama umyeni asekunye nabo? Nakanye! Ngalo lonke ixesha asephakathi kwabo umyeni, abangekhe bakuzile! Kodwa lofika ixesha lokuba umyeni asuswe kubo, bandule ke ukuzila. “Kaloku akukho mntu uthungela isiziba esitsha kwisambatho esidala, kuba ukuba uthe wenjenjalo, sofinyela, sisikrazule ngakumbi isambatho eso. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili, kuba ukuba uthe wenjenjalo, zogqabhuka ziphele iimvaba, ichitheke iwayini. Kaloku iwayini engekabili ithiwa kwiimvaba ezintsha.” Kwathi uYesu ecanda emasimini *ngoMhla wokuPhumla, abafundi bakhe basuka bakha izikhwebu zengqolowa. Bathi ke kuye *abaFarasi: “Khawutsho, kungani na ukuba abafundi bakho benze okungavumelekanga ngoMhla woPhumlo?” Uthe ke yena kubo: “Anizange nikufunde na awakwenzayo uDavide, mhla walamba engenanto ityiwayo, yena neqela lakhe? Kaloku wangena endlwini kaThixo ngemihla ka-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ngokomthetho ezi zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli. ” Waza wathi ke kubo: “UMhla woPhumlo lo wabakho ngenxa yomntu, asinguye umntu owabakho ngenxa yawo. Ngoko ke uNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla woPhumlo.”
UMARKO 2:13-28 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wabuya waphuma waya ngaselwandle; zaye zisiza kuye zonke izihlwele; Uthe ke edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele. Wesuka ke wamlandela. Kwathi ekuhlaleni kwakhe ngasesithebeni endlwini yakhe, kwahlala nento eninzi yababuthi berhafu naboni ndawonye noYesu nabafundi bakhe; kuba babebaninzi, baye ke bemlandela. Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe, Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni? Evile ke uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke. Baye ke abafundi bakaYohane nababaFarisi bezila ukudla. Beza bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane nababaFarisi bazile ukudla, kanti bona abafundi bakho abakuzili? Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukuzila ukudla, xa anabo umyeni? ngalo lonke ixesha basenabo umyeni, abanako ukuzila. Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla. Akukho ke uthungela isiziba esitsha engutyeni endala; Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha imelwe kukuthiwa ezintsubeni ezintsha. NgoMhla wokuPhumla wacanda emasimini. Baqala ke abafundi bakhe ukukha izikhwebu. Baza bathi kuye abaFarisi, Khangela, yini na ukuba benze ngemini yesabatha oko kungavumelekileyo? Wathi kubo, Anizanga niyilese na into awayenzayo uDavide, oko wayeswele, elambile nokulamba, yena nabo babenaye? Okokuba wangena endlwini kaThixo ngemihla ka-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekungavumelekileyo ukuba zidliwe ngabo bangebabingeleli, wanika nabo babenaye? Wayesithi kubo, Isabatha le yabakho ngenxa yomntu, asingumntu owabakhoyo ngenxa yesabatha. Ngoko ke uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.
UMARKO 2:13-28 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
WAZA wapuma wabuya waya ngaselwandle; sati sonke isihlwele seza kuye, wabafundisa ke. Waza edlula nje wabona u‐Levi, unyana ka‐Alefeyu, ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, wati kuye: Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. Kwaza kwati, akuhlala pantsi endlwini yake, kwahlala nento eninzi yababuti beminikelo naboni ekutyeni ndawonye no‐Yesu nabadisipile bake: ngokuba bebebaninzi, bamlandela ke. Baza ababa̔li nabafarisi, bakumbona esitya kunye nababuti beminikelo naboni, bati kubadisipile bake: Yinina ukuba atye asele kunye nababuti beminikelo naboni? Waza u‐Yesu evile nje wati kubo: Abomeleleyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. Andeza ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke. Kekaloku abadisipile baka‐Johane nababafarisi bebezila ukutya: baza beza bati kuye: Kunganina ukuba abadisipile baka‐Johane nabafarisi bazila ukutya, kanti abako abadisipile abakuzili? Waza wati u‐Yesu kubo: Usapo lwenkambili yomtshakazi lungazila ukutya na, oko umyeni analo? lonke ixesha lusenaye umyeni enalo, alungezile kutya. Kodwa iya kuza imihla okuya umyeni aya kususwa kulo, lwaluya kwandula luzile ukutya kuleyomihla ke. Akuko mntu utungela isiziba sencawa engatutyulwanga engutyeni endala; okanye, into entsha efakiweyo iyaṙazula kwendala, siti isiṙoba senzwe sibi ngakumbi. Kanjalo akuko mntu uta̔ iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, iveyine entsha iyazigqoboza intsuba, ize ipalale iveyine, zitshabalale nentsuba; koko iveyine entsha ifanel’ ukuti̔wa ezintsubeni ezikwa zintsha. KWAYE kute ukuba ebecanda emasimini ngemini yesabata: baza abadisipile bake baqala ukuhamba bezika izikwebu. Baye abafarisi besiti kuye: Kangela, yinina ukuba bakwenze ngemini yesabata okungafanelekileyo? Waza yena wati kubo: Anizanga nileseshe na into wayenzayo u‐Davide, okuya wayenokuswela, walamba yena nabo babenaye; okokuba wangena endlwini KATIXO, emihleni ka‐Abiyatare umperisite omkulu, watya izonka zokubonakala, ekufanelekile ukuba zityiwe ngabaperisite kupela, wanika nabo abebendawonye naye? Wabesiti kubo kanjalo: Isabata yenziwa ngenxa yabantu, akwenziwa abantu ngenxa yesabata. Ngako oko unyana wesintu uyinkosi yesabata nayo.