WAZA wapuma wabuya waya ngaselwandle; sati sonke isihlwele seza kuye, wabafundisa ke.
Waza edlula nje wabona u‐Levi, unyana ka‐Alefeyu, ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, wati kuye: Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. Kwaza kwati, akuhlala pantsi endlwini yake, kwahlala nento eninzi yababuti beminikelo naboni ekutyeni ndawonye no‐Yesu nabadisipile bake: ngokuba bebebaninzi, bamlandela ke. Baza ababa̔li nabafarisi, bakumbona esitya kunye nababuti beminikelo naboni, bati kubadisipile bake: Yinina ukuba atye asele kunye nababuti beminikelo naboni? Waza u‐Yesu evile nje wati kubo: Abomeleleyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. Andeza ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke.
Kekaloku abadisipile baka‐Johane nababafarisi bebezila ukutya: baza beza bati kuye: Kunganina ukuba abadisipile baka‐Johane nabafarisi bazila ukutya, kanti abako abadisipile abakuzili? Waza wati u‐Yesu kubo: Usapo lwenkambili yomtshakazi lungazila ukutya na, oko umyeni analo? lonke ixesha lusenaye umyeni enalo, alungezile kutya. Kodwa iya kuza imihla okuya umyeni aya kususwa kulo, lwaluya kwandula luzile ukutya kuleyomihla ke. Akuko mntu utungela isiziba sencawa engatutyulwanga engutyeni endala; okanye, into entsha efakiweyo iyaṙazula kwendala, siti isiṙoba senzwe sibi ngakumbi. Kanjalo akuko mntu uta̔ iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, iveyine entsha iyazigqoboza intsuba, ize ipalale iveyine, zitshabalale nentsuba; koko iveyine entsha ifanel’ ukuti̔wa ezintsubeni ezikwa zintsha.
KWAYE kute ukuba ebecanda emasimini ngemini yesabata: baza abadisipile bake baqala ukuhamba bezika izikwebu. Baye abafarisi besiti kuye: Kangela, yinina ukuba bakwenze ngemini yesabata okungafanelekileyo? Waza yena wati kubo: Anizanga nileseshe na into wayenzayo u‐Davide, okuya wayenokuswela, walamba yena nabo babenaye; okokuba wangena endlwini KATIXO, emihleni ka‐Abiyatare umperisite omkulu, watya izonka zokubonakala, ekufanelekile ukuba zityiwe ngabaperisite kupela, wanika nabo abebendawonye naye? Wabesiti kubo kanjalo: Isabata yenziwa ngenxa yabantu, akwenziwa abantu ngenxa yesabata. Ngako oko unyana wesintu uyinkosi yesabata nayo.