uMarko 2:13-28

uMarko 2:13-28 CXB24

Wabuya waphuma waya ngaselwandle; zaye zisiza kuye zonke izihlwele; Uthe ke edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele. Wesuka ke wamlandela. Kwathi ekuhlaleni kwakhe ngasesithebeni endlwini yakhe, kwahlala nento eninzi yababuthi berhafu naboni ndawonye noYesu nabafundi bakhe; kuba babebaninzi, baye ke bemlandela. Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe, Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni? Evile ke uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke. Baye ke abafundi bakaYohane nababaFarisi bezila ukudla. Beza bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane nababaFarisi bazile ukudla, kanti bona abafundi bakho abakuzili? Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukuzila ukudla, xa anabo umyeni? ngalo lonke ixesha basenabo umyeni, abanako ukuzila. Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla. Akukho ke uthungela isiziba esitsha engutyeni endala; Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha imelwe kukuthiwa ezintsubeni ezintsha. NgoMhla wokuPhumla wacanda emasimini. Baqala ke abafundi bakhe ukukha izikhwebu. Baza bathi kuye abaFarisi, Khangela, yini na ukuba benze ngemini yesabatha oko kungavumelekileyo? Wathi kubo, Anizanga niyilese na into awayenzayo uDavide, oko wayeswele, elambile nokulamba, yena nabo babenaye? Okokuba wangena endlwini kaThixo ngemihla ka-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekungavumelekileyo ukuba zidliwe ngabo bangebabingeleli, wanika nabo babenaye? Wayesithi kubo, Isabatha le yabakho ngenxa yomntu, asingumntu owabakhoyo ngenxa yesabatha. Ngoko ke uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.