UMARKO 15:6-20
UMARKO 15:6-20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku imithendeleko ngemithendeleko ubeqhele ukubakhululela umbanjwa abe mnye, abasukuba bemcela. Kwaye kukho ke obekuthiwa nguBharabhas, ebotshwe ndawonye nabanye abenzi besaqunge, ababulaláyo nokubulala esaqungeni apho. Sankqangaza isihlwele, saqala ukucela, ukuba enze ngoko abehlala esenza ngako kubo. Wabaphendula ke uPilato, esithi, Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaYuda na? Kuba ebesazi ukuba ababingeleli abakhulu abo bamnikele ngomona. Ke bona ababingeleli abakhulu bayixhokonxa indimbane, ukuba icele ukuba kanye abakhululele uBharabhas. Wabuya waphendula ke uPilato, wathi kubo, Ninga ndingamenzani na ngoko lowo nithi nguKumkani wamaYuda? Babuya ke bankqangaza bathi, Mbethelele emnqamlezweni! Wathi ke uPilato kubo, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Ke kaloku uPilato, ngokunga angasithomalalisa isihlwele, wabakhululela uBharabhas. Emtyakatyile ke uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni. Athi amasoldati amrholele ngaphakathi kwentendelezo, oko kukuthi endlwini yerhuluneli; alibizèle ndawonye ibutho lawo liphela; amambathise ngebomvu; alùke isithsaba sameva, amthi jize ngaso, aqale ukumbulisa, athi, Aa! Kumkani wamaYuda! Ayembetha entloko ngengcongolo; ayemtshicela; ayeguqa ngamadolo, aqubude kuye. Athi akuba edlale ngaye, amhluba ebomvu, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrholela phandle, ukuze ambethelele emnqamlezweni.

UMARKO 15:6-20 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku *ngePasika uPilato wayedla ngokubakhululela umbanjwa abe mnye – lowo ke babethi bamcele. Ke kwakukho mbanjwa uthile unguBharabha owayebanjwe kunye nabanye abenzi besaqunge, ababebanjwe ngokubulala xa kwakukho isidubedube. Safika ke isihlwele, saza sacela ukuba uPilato enze ngokwesiqhelo. Waphendula uPilato esithi: “Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaJuda na?” Wayesazi ukuba ababingeleli abaziintloko bamnikele ngomona uYesu. Ke bona ababingeleli abaziintloko basifunza isihlwele ukuba sicele ukuba asikhululele uBharabha, ingabi nguYesu. Waphinda wabuza uPilato, esithi: “Ndimthini na ke lowo nina nithi ngukumkani wamaJuda?” Baphendula bekhwaza besithi: “Mbethelele emnqamlezweni!” Wathi ke kubo uPilato: “Kuba enze bubi buni na?” Kodwa kwaba kukhona bankqangazayo, besithi: “Mbethelele emnqamlezweni!” UPilato ke, efuna ukusikholisa isihlwele, wamkhulula uBharabha, uYesu yena wamnikela ukuba akatswe, abethelelwe emnqamlezweni. Amajoni amsa uYesu ngaphakathi kweyadi yomzi werhuluneli, alibizela ndawonye ibutho lawo liphela. Amambathisa ingubo ebomvu uYesu, athi, eluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso, aza akhahlela esithi: “Aa, kumkani wamaJuda!” Ambetha entloko ngengcongolo, amtshicela, akhahlela. Athi ke akuba ehlekise ngaye, amhluba loo ngubo ibomvu, amambathisa kwaezakhe, aphuma naye esiya kumbethelela emnqamlezweni.
UMARKO 15:6-20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku ngomthendeleko wayebakhululela umbanjwa abe mnye, abasukuba bemcela. Kwaye kukho ke obekuthiwa nguBharabhas, ebotshwe ndawonye nabanye abenzi besaqunge, ababulalayo nokubulala esaqungeni apho. Sankqangaza isihlwele, saqala ukucela, ukuba enze ngoko abehlala esenza ngako kubo. Wabaphendula ke uPilato, esithi, Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaYuda na? Kuba ebesazi ukuba ababingeleli abakhulu abo bamnikele ngomona. Ke bona ababingeleli abakhulu bayixhokonxa indimbane, ukuba icele ukuba kanye abakhululele uBharabhas. Waphinda waphendula ke uPilato, wathi kubo, Ningamenza ntoni na ke ngoko kulowo nithi unguKumkani wamaYuda? Babuya ke bankqangaza bathi, Mbethelele emnqamlezweni! Wathi ke uPilato kubo, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Kwathi ngoko uPilato, enga angasiyenelisa isihlwele, wabakhululela uBharabhas; wamnikela uYesu, akuba emtyakatyile, ukuba abethelelwe emnqamlezweni. Aza amasoldati amrholela entendelezweni, ebizwa ngokuba yirhuluneli; balibizele ndawonye ibutho lonke. Bamambesa iingubo ezimfusa, baluluka isithsaba sameva, bamfaka ngaso entloko. Baza bathi kuye, Vuya, Kumkani wamaYuda! Ayembetha entloko ngengcongolo; ayemtshicela; ayeguqa ngamadolo, aqubude kuye. Athi akuba edlale ngaye, amhluba ebomvu, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni.
UMARKO 15:6-20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku ngomtendeleko lowo ebebakululela umbanjwa wamnye, kwa lowo bamcelayo. Kwaye kuko umntu okutiwa ngu‐Baraba, enxityiwe ndawonye nabo babesenza impitimpiti kunye naye, abebete kulompitimpiti benza umbulalo. Saza samemeza isihlwele, saqala ukucela ukuba enze njengokuba ebefuda esenza kubo. Koko u‐Pilati wapendula kubo, esiti: Nifuna ukuba ndinikululele ukumkani wama‐Juda na? Ngokuba ebesazi ukuba abaperisite abakulu bebemnikele ngomona. Kodwa abaperisite abakulu bavusa isihlwele, ukuba ngokukumbi makabakululele u‐Baraba. Wapendula ke u‐Pilati, wabuya wati kubo: Pofu nifuna ukuba nditi nina kulowo niti ungukumkani wama‐Juda? Babuya badanduluka, besiti: Mkuruseshe yena. Koko u‐Pilati wabesiti kubo: Wenze ukukohlakala kunina pofu? Kodwa badanduluka kakulu ngakumbi, besiti: Mkuruseshe yena. Waza u‐Pilati, efuna ukunga angancamisa isihlwele, wabakululela u‐Baraba; wati u‐Yesu, akuba emtyabule, wamnikela ukuba akuruseshwe. Aza amasodati amr̔ola aya pakati ekusini, kwelendlu yenkosi, abizela ndawonye lonke ibandlalawo. Aza amambatisa isivato esibomvu, ati akuba elukile isitsaba semitolo, asifaka kuye, aqala ukumbulisa, esiti: A, kumkani wama‐Juda! Kanjalo ambeta entloko ngengcongolo, amtshicela, aza aguqa ngamadolo ambedesha. Ati xeshekweni ebemhlekile, amhluba isivato esibomvu, amambatisa ezake ingubo; aza amr̔olela pandle, ukuze amkuruseshe.