Ke kaloku *ngePasika uPilato wayedla ngokubakhululela umbanjwa abe mnye – lowo ke babethi bamcele. Ke kwakukho mbanjwa uthile unguBharabha owayebanjwe kunye nabanye abenzi besaqunge, ababebanjwe ngokubulala xa kwakukho isidubedube. Safika ke isihlwele, saza sacela ukuba uPilato enze ngokwesiqhelo. Waphendula uPilato esithi: “Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaJuda na?” Wayesazi ukuba ababingeleli abaziintloko bamnikele ngomona uYesu. Ke bona ababingeleli abaziintloko basifunza isihlwele ukuba sicele ukuba asikhululele uBharabha, ingabi nguYesu. Waphinda wabuza uPilato, esithi: “Ndimthini na ke lowo nina nithi ngukumkani wamaJuda?” Baphendula bekhwaza besithi: “Mbethelele emnqamlezweni!” Wathi ke kubo uPilato: “Kuba enze bubi buni na?” Kodwa kwaba kukhona bankqangazayo, besithi: “Mbethelele emnqamlezweni!” UPilato ke, efuna ukusikholisa isihlwele, wamkhulula uBharabha, uYesu yena wamnikela ukuba akatswe, abethelelwe emnqamlezweni. Amajoni amsa uYesu ngaphakathi kweyadi yomzi werhuluneli, alibizela ndawonye ibutho lawo liphela. Amambathisa ingubo ebomvu uYesu, athi, eluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso, aza akhahlela esithi: “Aa, kumkani wamaJuda!” Ambetha entloko ngengcongolo, amtshicela, akhahlela. Athi ke akuba ehlekise ngaye, amhluba loo ngubo ibomvu, amambathisa kwaezakhe, aphuma naye esiya kumbethelela emnqamlezweni.
Funda UMARKO 15
Share
Compare All Versions: UMARKO 15:6-20
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos