Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Maraki 15:6-20

Ivangeli ka‐Maraki 15:6-20 XHO1902A

Kekaloku ngomtendeleko lowo ebebakululela umbanjwa wamnye, kwa lowo bamcelayo. Kwaye kuko umntu okutiwa ngu‐Baraba, enxityiwe ndawonye nabo babesenza impitimpiti kunye naye, abebete kulompitimpiti benza umbulalo. Saza samemeza isihlwele, saqala ukucela ukuba enze njengokuba ebefuda esenza kubo. Koko u‐Pilati wapendula kubo, esiti: Nifuna ukuba ndinikululele ukumkani wama‐Juda na? Ngokuba ebesazi ukuba abaperisite abakulu bebemnikele ngomona. Kodwa abaperisite abakulu bavusa isihlwele, ukuba ngokukumbi makabakululele u‐Baraba. Wapendula ke u‐Pilati, wabuya wati kubo: Pofu nifuna ukuba nditi nina kulowo niti ungukumkani wama‐Juda? Babuya badanduluka, besiti: Mkuruseshe yena. Koko u‐Pilati wabesiti kubo: Wenze ukukohlakala kunina pofu? Kodwa badanduluka kakulu ngakumbi, besiti: Mkuruseshe yena. Waza u‐Pilati, efuna ukunga angancamisa isihlwele, wabakululela u‐Baraba; wati u‐Yesu, akuba emtyabule, wamnikela ukuba akuruseshwe. Aza amasodati amr̔ola aya pakati ekusini, kwelendlu yenkosi, abizela ndawonye lonke ibandlalawo. Aza amambatisa isivato esibomvu, ati akuba elukile isitsaba semitolo, asifaka kuye, aqala ukumbulisa, esiti: A, kumkani wama‐Juda! Kanjalo ambeta entloko ngengcongolo, amtshicela, aza aguqa ngamadolo ambedesha. Ati xeshekweni ebemhlekile, amhluba isivato esibomvu, amambatisa ezake ingubo; aza amr̔olela pandle, ukuze amkuruseshe.